Ufunyenwe ngamalungu ebandla kumlambo uMdumbi eNgqeleni umzimba womfundi oneshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala,obekhangelwa ukuqala ngoMvulo weveki ephelileyo.Ixhoba lesikhukhula ngumfundi kwisinala iPhangalele kwilali yaseNkumandeni eNgqeleni.Lo mfundi wakhukhuliswa ngamanzi ngethuba enqumla kumfula iNkawukazi ekunye nomnye umfundi okwazileyo ukubhungca asinde.
Umhlali obekhona ngethuba kufunyanwa lo mzimba ngoLwesihlanu uthe: “Sifike ebambeke emthini kwindawo ebibonakala ukuba bekuhamba kuyo amanzi ngethuba umlambo ugcwele kodwa ebesele ehlile amanzi. “Ngokwembonakalo ubekhangeleka ophukile amanye amalungu omzimba.Le ntombi ibililungu lebanlda lethu nomntakwabo.Oko besikhangela ukusuka ekuqaleni kweveki.”
USodolophu waseNyandeni uKhansela uViwe Ndamase udlulise amazwi ovelwano kusapho lwalo mfundi,watsho elumkisa abantu ngelithi mabohlukane nokuwela imilambo engcweleyo kwaye bahlale bemamela izilumkiso kwiziko lemozulu.
Ebutsheni bale veki iNkosi yelali uNkosi Phakamile Dukiso ugxeke urhulumente ngokungagqitywa kwendlela enqumla kulo mfula iNkawukazi eyayizodala kwakhiwe ibhulorho ukusindisa imiphefumlo yabantu abasingisa ePhangalele.