Ukugrogriswa kwabasebenzi bakwa-IEC kuNtabankulu kukhokeleleekukreqeni kwabasebenzi kwizitishi ezibini ezahlukeneyo.UKhayakazi Magudumana oligosa eliphezulu kwa-IEC uthe kuye kwanyanzeleka amapolisa ashiyeke eqhubeleka nomsebenzi.Ezi zitishi bezivulwe ngecala emva kwentsimbi yesibini emalanga. “Kukho izitishi ezibini eziphantsi kwa-wadi 17 apho sifumene iincwadi ezimbini zabantu abawuyekayo umsebenzi ngenxa yezigrogriso ezivela kubahlali.Ngabantu abanengxaki ngokuhanjiswa aba benze izigrogriso kwaba bavotisi.”
UMagudumana uthe aba bahlali bebeqhankqalaza benqanda nabantu ukuba bangangeni kwisikhululo sovoto.Nabameli bamaqela ezopolitiko (party agents) zijikisiwe.Uhambise wathi baphinde banengxaki ne-VDM ekuye kwanyanzeleka zingasetyenziswa.Loo nto ayithethi ukuba iziphumo azizunyaniseka ngenxa yokungasebenzi kwale matshini.