Amadoda kumhlaba wamaMpondo eFlagstaff adikwe yeyokosa afikelele kwisigqibo sokufundisa ngobudoda kulomadoda abudoda bawo bunemihlisela,ekungabalulwa abo babulalayo,izidlwengu,nabaxhaphaza abasetyhini kunye nabantwana njalo,njalo.Oku kwenziwe ngokuthi kuphehlelelwe ngokusesikweni isigqeba samadoda esibizwa ngeIngquza Hill Local Municipality Men’s Movement.Oko kwenzeke kanye ngexesha lokubhiyozela usuku lwamadoda kwihlabathi jikelele “Intarnational Men’s Day,”phantsi kwesihloko esithi “Positive Male Role Models”.
Amadoda akhuthazwa ukuba abeyimizekelo yothando,ubuntsika kunye nokhuseleko eqala emakhayeni ukuya kuphumela ekuhlaleni. “Amadoda atshwezekile (axozekile) ,ahambe etshwezwa (exozwa)ziingxaki,atshweziwe ngenxa yokungabinamali,ukungayi esuthwini,ukungafundi nezinye iingxaki.Kwezindawo akuzo amadoda azingceba,sifuna ukudibanisa ezo zicwibi zokutshwezwa ukuze indoda ibuyele ebudodeni bayo sibheke phambile,”kutsho utata uZolile Mbhono weIngquza Hill Local Municipality Men’s Movement. “Sanikwa u50/50 nomama thina u20%,u30% washiyeka elenga lenga.Yiyo loo nto sibona sinomama abakhokhele amabhoma ngoba silele singamadoda,abantwana bethu besifa emabhomeni.Namhlanje sinamadoda abaleka ukondla abantwana bawo ephephela ngelithi awaphangeli,sizoyihewula loo nto leyo.Akusoze kubekho indoda enezandla nengqondo ezakuthi ayizukwazi ukondla ngenxa yokuba ayiphangeli amasimi obawomkhulu esekhona. “Sizokhuthaza uba amadoda abuyele ekulimeni nasekufiyeni ukuze ondle inzala yawo,”uqhube watsho uMbhono.Uvale ngelithi enye yezinto abazazenza kukufundisa ngokukhulisa abantwana abangamakhwenkwe,umntwana oyinkwenkwe ayeke ukukhuliswa ngendlela yokuba acinge ukuba udadewabo ungaphantsi kuye,koko bakhuliswe benendima ezahlukeneyo ebomini.Okunye bazakuzama ukundwendwela nentolongo ukuze lamadoda agcwele ezintolongweni abuye ngenye imini azokuba ngamadoda adingekayo ekuhlaleni.UNobhala Jikelele weMen’s Sector kuMzantsi Afrika uSiya Ndesi uthe bazakuthetha neofisi yeNkulumbuso uOscar Mabuyane ukuze kulungiswe uqeqesho olufanelekileyo kulamadoda ukuze akwazi ukwenza umsebenzi wawo ngokusemthethweni.