Abarhanelwa ababini abatyholwa ngokuphembelela udushe eMthatha ngokusebenzisa amakhasi onxibelelwano (social media) kulindeleke bavele kwinkundla kaMantyi eMthatha kuleveki.Abarhanelwa bakwajongene nokudunga-dunga ulonyulo ngokutsho kwesithethi seHawks eMpuma Kapa uLieutenant Colonel Azola Fumba.
NgoMvulo weveki ephelileyo oonotekisi kummandla waseMthatha baqhube imisadulo bavala iindlela u-N2 noR61 ezingena neziphuma kwidolophu yaseMthatha,benyanzelisa ukubuyiswa kwemipu ebithinjwe ngamapolisa kwisibhedlele iNelson Mandela Academy eMthatha.Amapolisa athi kubekho iividiyo nemiyalezo eshicilelweyo isoyikisa abantu kumakhasi onxibelelwano.
Ngosuku loqhankqalazo umbutho weetekisi i-SANTACO yaziqaqisa okwethamsanqa kulemiyalezo yayalela ukuba kubanjwe abantu njengoko bengenanto yakwenza necandelo lletekisi.Isithethi se-Santaco uZola Bishop Yolelo wathi mababanjwe baphoswe ejele abenzi balomkhuba.