Yintatheli yeKhwezi
Inkundla yamatyala yaseMqanduli igwebe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu ithothoza emjiva indoda efunyenwe inetyala lokubulala umfazi wayo kuba engavumanga ukuba izeke isithembu.
UMasonwabe Dlulane (30) wangena kwisivumelwano sokubulala umfazi wakhe uBaliswa Magxagxa owayeneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ngomnyaka wama-2021.Ngethuba kuxoxwa ityala wavuma ngokwenza eli yelenqe emva kokuba utshutshiso lukhokhele ubungqina bamangqina amabini athe amtyabeka ngokubandakanyeka kwesi senzo.Ingxelo yeNkundla idize ukuba umyeni wavuma ngelithi wayefuna ukuthatha umfazi wesibini kodwa umfi wema entla, engavumi,kungoko wathatha isigqibo sokuba abulawe ukuze azothatha omnye umfazi.
Ingxelo yeNkundla idize ukuba lo mfazi owayengumama kubantwana ababini wadutyulwa lwangol’ungele ekhayeni lakhe yindoda eyazenza umntu ofuna uncedo ekhayeni lakhe kwilali yaseMaqomeni eMqanduli.Ubungqina beNkundla bubhentsise ukuba uDlulani obengumsebenzi mgodini eNortham eLimpopo apho wadibana khona nendoda eyaqeshwa ukuba ibulale kwaye nayo yeyeliphondo.
Kwenziwe isivumelwano sokubhatalana isixa mali esiyi-R30,000.Umdubuli waya eMqanduli apho wadubula lo mfazi phambi komntwana wabo oneminyaka emihlanu ubudala ngomhla we-21 kuJanuwari ka-2021.Uphando lwamapolisa lwakhokhelela ekubanjweni komyeni owatsalela umnxeba amalungu osapho emva kokubulawa komfazi wakhe esithi makajongwe ufuna ukumthumelela imali.
Ingxelo iqhuba ithi ngethuba ehlohlwa ngemibuzo uDlulane emva komngcwabo watyabeka umbulali uGcobani Msebenzi kodwa xa kuqhuba ityala wakhanyela.UMtshutshisi weNkundla uShakes Mvulana ukhokhele ubungqina bamalungu osapho atsalelwa umnxeba ngulo myeni ngentseni emva kokudutyulwa komfazi wakhe.Uthe akubona ukuba utshelwe zizicheku watshintsha.
Nangona kunjalo umtyholwa owadubulayo uGcobani Msebenzi usathi umsulwa.Uzobuyela eNkundleni xa kuqhutywa ityala ngomhla we-01 Novemba 2023.ULuxolo Tyali we-NPA uthe bayasamkela esi sigwebo benethemba sizonqanda ezinye iziganeko ezikumila kunje.