UMphathiswa wesebe loPhuhliso Lwamashishini Akhasayo (Small Business Development) uStella Ndabeni-Abrahams,uGqirha Ellias Motsoaledi wesebe leZekhaya noSodolophu wase-KSD uNyaniso Nelani bavule imarike yakwaNtozonke eMthatha ngoLwesine.Le marike yenye yeendawo ezithe zafunyanwa ngumlilo oqgugqisileyo ukutshisa izakhiwo ezinamashishini kule dolophu yaseMthatha.
Le marike yakhiwa ngonyaka we-1976 ukuze ibeyindawo yosomashishini abakhasayo,beqhayisa ngemisebenzi embeje-mbeje yezandla,amayeza esintu nokutya. “Sisezongena kakhulu ekuyiphuculeni siyidibanisa nawo onke amashishini akhasayo.Sikwiphulo lokutshintsha isitalato i-Owen ibesisitalato samashishini amancinci ukuvala ingxinano kwezinye izitalato.Sifuna ukuba ibe yinxalenye yezokhenketho sisebenzisana neNelson Mandela Museum apho abakhankethi bazokuthi xa bephuma eMuseum baze kuqhina apha kwaNtozonke,”kutsho uSodolophu uNelani.
“Sasingabantwana abahlanu kumama wam,wasifundisa sobahlanu ehleli kule marike,abanye bayaphangela kube ndim ke ngoku ndizimele ndalandela ekhondweni lakhe.Nam ndazala abam abantwana ndabafundisa ndakha umzi ngokuthengisa kule marike.Kodwa bekusele kukubi ibisele igugile kakhulu kungene izikhukhula zemvula,impahla esizithungayo zinethwe.Ndiyathunga ndenza amakhukho neengqayi kodwa kubakho amaxesha imali ingabikho ndibone ukuba lizotshona ishishini lam.Ndiyacela urhulumente asincedise ekufakeni isandla kweze zimali.”kubalisa uNolubabalo Ndzayiya (59) osebenzela kwaNtozonke.
Kanti oosomashishini bakwa Ntozonke bathi phambi kokuba esi sakhiwo sakhiwe ngokutsha bebenomceli mngeni wokuqhekezelwa ngamasela kodwa kubonakala ngathi oku akusayi kuphinde kwenzeke,nanjengoko uSodolophu uNelaniethembise okokuba ukhuseleko lwale ndawo yenye yezinto abaye bayisa iso ngoba iyenye yeendawo eziligugu kule dolophu yaseMthatha.
: UMphathiswa woPhuhliso lwamaMashishini Akhasayo,uStella Ndabeni-Abrahams, kwimarike eyakhiwe ngokutsha uNtozonke eMthatha.