Kubhubhe abantu abahlanu bedilikelwa yivenkile yakwJudy eNgcobo kwiveki ephelileyo.Nokutsho kwengxelo yesebe lezeMpilo eMpuma Kapa ishumi elinesithandathu labantu bangeniswe buphuthuphuthu kwisibhedlele saseAll Saints eNgcobo abanye bagqithiselwa kwisibhedlele iMthatha General eMthatha.
USodolophu wase A.B Xuma uSiyabulela Zangqa uthi esi sakhiwo besinendawo yokwenza iinwele namanye amashishini.Uhambise wathi esi sakhiwo besisidala kwaye singakhathalelwanga. “Sisothusile esi siganeko.Sizakuqinisekisa ukuba ayiphindi yehle ingozi enje ngale.Sizakuqalisa uphando lonobangela walengozi.Abathengisi sitalatweni abebesecaleni kwale venkile babengamaxhoba alentlekele.
UMkhululi Ndamase osisithethi sesebe lezeMpilo abenkonzo zikaxakeka nabanye bezohlangulo bebebila besoma bezama ukusindisa amaxhoba.Isebe lezeMpilo lidlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zabaphulukene nemiphefumlo kule ngozi emasikizi.
: Isakhiwo sevenkile yakwaJudy esibulele abantu abahlanu eNgcobo