Amapolisa eqela lethutyana kwisithili se-Oliver Reginald Tambo (O.R Tambo) kwimpelaveki esisuka kuyo aqhube iphulo lawo elibizwa Operation Shanela kwiidolophu ezahlukeneyo zalo mmandla.Kolu gqogqo anqakule avalela iqela labarhanelwa ngezityholo eziquka ukufunyanwa nemipu engekho mthethweni nowalakahla lweembumbulu.
Kwisiganeko sokuqala amapolisa afumene iinkcukacha ngesithuthi esiya edolophini eMthatha ekukholelwa ukuba umnini waso unompu ongekho semthethweni.Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi amapolisa ngethuba eqhuba umsebenzi abone isithuthi abesikrokrela kodwa sizame ukubaleka savalelwa semisa.
Ngethuba kusenzeka le nquleqhu esi sithuthi besinabakhweli ababini.UCaptain Matyolo uthi kuqhutywe ugqogqo kubo apho kufunyenwe umpu oluhlobo lwe-9mm neembumbulu kumqhubi.Kuphinde kwagqogqwa kwakhona uqobo lwesithuthi kwafunyanwa iimbumbulu zompu oluhlobo lwe-R.5 nemagazini nezinye ze-9mm.Ukanti kufunyenwe nenye ibhokisi inembumbulu zompu oluhlobo lwe-R.5 ezingamashumi amathatu anesithandathu.
Bobabini abarhanelwa banqakulwe bavalelwa babekwa amatyala okufunyanwa nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni kunye nokuqhuba ngokungakhathali.Kwezinye iziganeko eMajola,eLusikisiki naseLibode kubanjwe abarhanelwa abathathu abaphakathi kwamashumi amathandathu ukuya kumashumi amathandathu anesine ubudala,ngezityholo zokufunyanwa nemipu neembumbulu ezingekho mthethweni.
Bekungekacaci abarhanelwa bazovela nini enkundleni yamatyala.UMkomishinala wamapolisa kwisithili uMajor General Phumzile Cetyana uncome bonke abathathe inxaxheba ekulweni ulwaphulo mthetho kufunyanwe ezi zixhobo zokwenza ulwaphulo mthetho olunobungozi.
: Imipu neembumbulu ezifunyenwe ngamapolisa kummandla we-O.R Tambo kugqogqa wephulo leOperation Shanela.