Yintatheli yeKhwezi
EMTHATHA-UMongameli Cyril Ramaphosa utyhile imifanekiso eqingqiweyo kaNelson Rholihlahla Mandela eMthatha kwiNelson Mandela Museum kwisakhiwo esayisakuba seseBhunga lorhulumente waseTranskei kaMatanzima.URamaphosa udlulele eQunu Heritage Centre nalapho afike watyhila omnye umfanekiso oqingqiweyo kaMadiba.
UMongameli Ramaphosa udize ukuba uvile ukuba bayathontelana abakhenkethi kwikhaya likaMandela eQunu watsho ethwalisa uxanduva iNkulumbuso uOscar Mabuyane ukuba angenise ngokukhawuleza iinkqubo zophuhliso eQunu. “Ngethuba echaza ngale mifanekiso uthethe wenjenje:- “Imifanekiso eqingqiweyo yenzelwa ukukhumbula amagorha namaqhawe awayehleli ezintolongweni amanye eselubhacweni ezabalazela inkululeko yeli lizwe.KwiAfrika kumazwe afana neSenegal nakwilizwe laseCuba nakwi-United Nation yenziwe imifanekiso eqingqiweyo ngomnyaka ka-2021 ngelokumkhumbula uMandela.Ndinikezele kwisebe leZemidlalo uBugcisa neNkcubeko ukuba lenze uphando ngento esinokuyenza ukukhumbula ubomi bukaMadiba kufumaniseke ukuba masimkhumbule ngokumisa le mifanekiso eqingqiweyo.”Uhambise wathi “Siqoqhubeleka sisenza isikhumbuzo sikaMadiba minyaka le kuba sivuselela isazela kwiinkokheli eziphetheyo kumazwi kaMandela esaphila wayesithi “People must get value for money”ekwamemelala ukuba xa iprojekthi iqalile ukusebenza mayisebenze umsebenzi ingawuyeki ingawugqibanga;ekwabethelela nento yokuba imali xa ibikhutshelwe ukwenza umsebenzi othile mayingajikiswa isetyenziswe kwenye into njengalento iqhubekayo ngoku.Le mifanekiso iqingqiweyo ixabisa imali ekwi-R3.3 yezigidi.
UMongameli Ramaphosa obekhatshwa nguMphathiswa wezeMidlalo uBugcisa neNkcubeko uZizi Kodwa neNkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane bebenemincili ngethuba besithi le mifanekiso iqingqiweyo yindlela yokulondoloza imbali yethu eMzantsi Afrika nokuqinisekisa ukuba ayilibaleki indima eyadlalwa nguMandela kwinkululeko yeli lizwe.
IMIFANEKISO: Imifanekiso eqingqiweyo kaNelson Rholihlahla Mandela etyhilwe eNelson Mandela Museum eMthatha naseQunu Heritage Centre eQunu.Imifanekiso nguMonwabisi Khininda