Yintatheli yeKhwezi
Kuthabathe olunye unyawo ukutyhuthulwa kwamalungu abantu kwiidolophu zeMpuma Kapa.Kulandela iziganeko eziliqela ezithe zabikwa kwiidolophu ezohlukeneyo kweli phondo.Kudizwa ukuba abantu bayalahleka ze bafunyanwe bebhubhile,amalungu abo etyhuthulwe. Esokuqala isiganeko sibikwe kwidolophu yaseMaluti apho owasetyhini efunyenwe eswelekile kukrolokonqwe neliso lasekunene,kwasikwa ingono yebele,umnwe kwisandla sasekunene kwakunye nencam yolwimi.
Isiganeko sesibini sibikwe kwidolophu yaseMaxesibeni apho ixhego ebeliye kwamkela inkam-nkam lelali yaseMowa eNtabankulu,lithe lalahleka.Ingwevu le ekwiminyaka engamamashumi asixhenxe ananye ubudala (71) enguMzwandile Mgadi ifunyenwe emva kweentsuku ezimbini elahlekile.Naye ebesikwe ulwimi,kwakhutshwa uqhoqhoqho kwakunye neliso lasekunene.
Kwesakutsha nje isiganeko esenzeke eLusikisiki nalapho inina ebelisebenza kwindawo yokulala nokuthoba unxano eyaziwa ngokuba yi-Zet-zet,lifumaneke seliswelekile kutyhuthulwe amalungu akhe aquka elangasese.UNeliswa Vimbelo waseNgobozana eLusikisiki ulahleke ngomhla wama-30 kuJuni 2023.Kuvakala ukuba waphuma emsebenzini waya kwisinqanda-mathe sakhe esifunda eToli SSS eBambisana,nekwavakala ingxelo zokuba wagqityelwa ukubonwa ekhwele itekisi eluhlobo lweQuantum sele ebuya ngezithuba zentsimbi yesixhenxe ngenjikalanga.Kwaba kukulahleka kwakhe oko.Uze wazofunyanwa sele eswelekile kwindawo eyaziwa ngokuba kukwaArthur Homes kukhona amalungu asikiweyo.
Amapolisa aziqinisekisile ezi ziganeko phambi kokuba sikhuphe elinqaku yaye ebephantsi phezulu kukhangelwa ababulali.UNosipho oliphelo likaMnu.Mgadi uthi into eyenzeke kutata wakhe soze ixoleleke yaye yenze ikhaya ladandatheka kakhulu emphefumlweni. “Ngekungcono ukuba utata usweleke ngokugula kunale ntlungu ayivileyo phambi kokuba asweleke.”Uthi utata wakhe wamrholela ngolu suku leshwangusha waze wamnika yakhe.Yena wabuyisela kuye imali awayezawuthenga ngayo ukutya.Utata wakhe washiyeka ne-R850 nekhange ibesafumaneka ngelixa kufumaneka isidumbu sakhe kwindlela engena kwilali yaseNtshakeni kwalapho eMaxesibeni.