Ingingqi yaseZwartwater isisigqubu solwaphulo mthetho olungaphaya kokuqonda;ukubulawa kwabantu,ukusetyenziswa kweziyobisi,ukungabanjwa kwabarhanelwa beyabula ekuhlaleni ukungenzi kwamapolisa ngethuba xa ebizwa,oku kuphakanyiswe ngabahlali baseZwartwaters ngethuba kubanjwe iSafety Imbizo lisebe le Community Safety.UMphathiswa welisebe uXolile Nqatha ebekhona ephelekwe ngamagosa alo namanye amasebe karhulumente aquka u-SAPS,NPA,Social Development nomasipala waseMalahleni.
Abahlali baseZwartwater bathe bonyula utata othe wafunda umqulu wezikhalazo zabo kumphathiswa uNqatha.UNkosikazi Weziwe Mawela olilungu le CPF uthi babulela ithuba abathe balifumana baphalaza iingxaki abanazo nokunqwala kwizibhambathiso ezithe zenziwa nguMphathiswa ezifana nokuziswa kweemoto zesiploisa ngeentsuku ezithile nanjengoko abahlali bephakamise nokuba behlala phantsi koloyiko.USodolophu womasipala waseMalahleni uKhansela Ntombizandile Koni uthi bengumasipala bawongekile ngokubanjwa kweCommunity Safety Imbizo kulo masipala ingakumbi kwawadi 9 nanjengoko iyiwadi eneziganeko eziliqela nalapho bebephulaphule uluntu luphalaza iimbilini zalo.
UMphathiswa uthi kumele kusetyenziswane nanjengoko kufuneka kungavunywa kuxuthwe inkululeko eyeza ngegazi labantu bambi babanjwa,abanye baxhonywa bezabalazela inkululeko kuloko kumele ijongwe kuqiniswe ngamandla.Lo kaNqatha uthe kufuneka izinto zenziwe ngendlela,ekwaphawula nangomba wolwaluko indlela obaluleke ngayo ukuze kungabhubhi mkhwetha kubekho intsebenziswano kubuyelwe kundalashe,imanyano ngamandla.
Abahlali baseZwartwater bebembe iCommunity Safety Imbizo eCacadu.