Isebe leZemidlalo uBugcisa neNkcubeko kwisithili sase-O.R Tambo lixhobiso ababhali ngezakhono zokuba baphuhle.NgoLwesine elisebe belisingathe indibano yocweyo kubabhali neembongi ezisuka koomasipala abahlanu basekuhlaleni i-KSD,Mhlontlo,Nyandeni,Port St.Johns neNgquza Hills,abaphantsi kwesi sithili.
Ucweyo lwababhali beluqhutywa nguNjingalwazi Mandlakayise Matyumza noGqirha Yolisa Madolo.Ababhali bafunde lukhulu kolucweyo.UNontsikelelo Dyantyi ongumbhali okhasayo uthi ufunde ukuba xa ungumbhali sukube usabela ubizo lokulandela eli khondo awubhali kuba uthanda.”Ndifunde ukuba xa ungumbhali kufuneka ubengumntu onobuhlakani ukuze ungaqhathwa ngabapapashi.Eyona njongo yokubhala kukufundisa uluntu ngezinto ezenzeka emntlalweni.”
UNjingalwazi Matyumza uthe liyehla izinga lokufundwa kweencadi ingakumbi ngelixesha lamaqonga onxibelelwano. “Uphando ludiza ukuba ukuze ukuba incwadi ithengiswe ngesininzi (best seller) kufuneka ithengise iikopi ezikuma-3500.
Kusuku lwangoLwesihlanu kuzakuphehlelelwa incwadi epapshwe ngu-DSARC kwiphondo leMpuma Kapa.Kuzakuchongwa nababhali abazoyomela esi sithi kumnyhadala wezobugcisa iNational Arts Festival esoloko ebanjelwa eMakana.Kulo nyaka lo mnyhadala uzakube ubhiyozela iminyaka engamashumi amahlanu uqhutywa.
UNozuko Mbana Manakaza ongumbhali nompapashi noYondela Ngqokelela ongusihlalo wombutho wababhali abangamanina ekwasebenzela isebe lakwaDSRAC e-OR Tambo.Umfanekiso nguMonwabisi Khininda.