Ufunyenwe ehlathini ngentseni yangoLwesine umzimba wenina elingumama wabantwana abathathu abafunyenwe beswelekile ngentseni yangoLwesibini kummandla okuwadi 19 ePort St.Johns.Ngokwengxelo ekhutshwe ngamapolisa umzimba kaVeziwe Ntsizela (41) ufunyenwe kwisithuba sentsimbi yeshumi ngoLwesine ngethuba logqogqo lwecandelo lohlangulo emapoliseni.
Kutyholwa ukuba unyanzelise abantwana bakhe abane ukuba batye ipilisi yetanki ngentseni yangoMvulo kwihlathi laseLuzuphu.Umntwana omnye kubo ukwazile ukubaleka wayocela uncedo kumzi okufuphi.
Isithethi samapolisa ephondweni uCol.Priscilla Naidu uthi kwisithuba sentsimbi yesibini ngentseni yangoMvulo abantwana abane bavuswe ngunina ngethuba besalele naye nomakhulu wabo.UCol.Naidu uthi eli nina libaxelele ukuba mabayothandaza kwenye indlu,endaweni yoko uye nabo kwihlathi laseLuzuphu apho abatyise khona ipilisi eyingozi.Uqhube wathi ngethuba befunyanwa umama wabo obelahlekile wafunyanwa kumgama olikhlu leemitha kwindawo ebekufunyenwe kuyo abantwana.
Abantwana bachazwe njengo Iyapha Ntsizela (4),uPhila Ntsizela (8) kunye noInga Ntsizela (12).Umntwana osindileyo uselugcinweni looNontlalontle.UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLt.Gen Nomthetheli Mene uvakalise ukothuka sesi siganeko.
UMkomishinala uMene uthe ukuba ngenene indlala ngunozala wesi siganeko,loo nto ivusa inkxalabo emandla ngemeko abanye abantu abajongene nazo ekuhlaleni.Watsho esithi oku sisikhumbuzo sokubaluleka kokolula isandla kufikelelwe kwabo badinga uncedo olumandla.
Amapolisa aphanda amatyala amathathu okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala.Uphando lwamapolisa luveze ukuba indlala ngahle idlale indima kwisigqibo sokubulala abantwana nokuzibulala konini wabo.Kanti kwinyanga ephelileyo omnye umama ubulele abantwana bakhe abathathu eTholeni eGcuwa naye wazibulala.