UMphathiswa wesebe lezeMfundo eMpuma Kapa uFundile Gade wothuke akawuvala umlomo kukuva isiganeko sokudlwengulwa kwemveku eneminyaka emihlanu ubudala.Umntwana lo ebesuka kwisikolo i-Emdeni Junior Secondary School esizinze kummandla waseBizana.Esi siganeko senzeke ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.
Nangona iinkcukacha mayelana nesi siganeko zingekacaci kakuhle kodwa lona ityala lokudlwengula livuliwe ukuze amapolisa aqhube uphando.Isebe lezeMfundo eMpuma Kapa lithumele igqiza elisuka kwinqanaba lesithili ukuba lityelele esi sikolo kunye nosapho lomntwana ukuze kufumaneke iinkcukacha ezithe vetshe malunga nesi siganeko esothuse umzi wonke.
“Ndishiyeke ndiyinkukhu esikwe umlomo sesi siganeko senkohlakalo,ndinqwenela abaphandi beli tyala beze nezona nkcukacha ziphathekayo malunge neli tyala,”utsho uGade.Uqhube wathi ukuba kukho umntu osemveni kweli shwangusha lelishwa kuza kufuneka ephendule. “Eyona nto ebhuhlungu ngale nto abona bantu bekumele bakhusele abantwana ngabo ababadlwengulayo,isehlise mpela isidima nokuzithemba komntwana lena into,”utshilo uGade.
Uye wadomboza eleleza kwabomthetho ukuba balukhawulezise uphando ukuze lowo ubandakanyekayo anqakulwe avalelwe.Isebe lezeMfundo likhuphe igqiza elizakujongana nentuthuzelo yasengqondweni kumalungu wosapho achaphazelekileyo sesi siganeko ukuze bafumane ululeko lwengqondo kwi-Ofisi ye-Education Social Support Services (ESSS).Okwangoku lo mcimbi usezandleni zamapolisa kwakunye neSebe lezeMfundo.