Nangona i-ANC ingaqhubanga kakuhle kwamanye amaphondo abahlali beMpuma Kapa baye baqinisekisa ukuba uKhongolosi uyaliphumelela eli phando.UOscar Mabuyane wenze umbulelo ngokuba abuyiselwe kwesi sikhundla nokuqhutywa kolonyulo olungenaziphithiphithi. “Abantu bethu balindele ukuba i-ANC yenze nangakumbu ekuphuculeni iimpilo zoluntu.Lo rhulumente wesixhenxe kufuneka abhinqe omfutshane ukukhonza uluntu.”
Ukonyulelwa kukaMabuyane kwesi sikhundla kumeme izizgxeko ezivela kubachasi.UMabuyane ude abizwe ngokuba “yiNkulumbuso kaCutting Edge”.UCutting Edge yinkqubo kamabonakude apho kuvezwa ukusilela kukarhulumente ukusa iinkonzo eluntwini.Iphondo leMpuma Kapa linkqenkqeza phambili kule nkqubo apho sekuvezwe abantu besikha amanzi amdaka agxojwa zizilwanyane,abantu abawela imilambo egcweleyo ngemigqomo ngenxa yokungabikho kwebhulorho,nabantu abawela imilambo bephathisene ngebhokisi kuba kungekho zindlela.Lilonke bathi akukho nto intsha uMabuyane azakuza nayo ngaphandle kwezithembiso.