UOscar Mabuyane oyiNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa uthi urhulumente awukhokheleyo uzinikezele ekulweni ukunqaba kwemisebenzi kwiphondo kweli phondo.UMabuyane ubongoze abezoshishino ukuba babambisane norhulumente kudalwe amathuba emisebenzi,kuphundiswe amashishini emveliso ephondweni ukuze kuphuhle intlalo yoluntu.
Le ntetho uyenze ngethuba evula indlu yowiso mthetho eNtabankulu kwisithili saseAlfred Nzo.Eli phondo lijamelene nokungabikho kwemisebenzi noqoqosho olungakhuliyo.UMabuyane uthe zintlanu iingongoma ekufuneka zinikwe ingqwalasela: “Owona mcelimngeni kukudala amathuba emisebenzi.Ukuba kukho umntu onokundivusa ebuthongweni abuze ukuba yintoni engakulalisiyo ngaphandle kwamathandabuzo ndingamxelela ukuba yimisebenzi engekhoyo ephondweni.Olu lutshaba oluphambili kuluntu lweMpuma Kapa.Okwesibini lulwakhiwo kwamaziko emveliso ukuze kuhlume uqoqosho lwephondo.Sizimisele ukuhlumisa uqoqosho apho kuzakuxhamla isininzi soluntu,kungaxhamli igcuntswana labathile.