Lusothukile uluntu lwaseMhlntlo emva kokuhlaselwa uManejala womasipala waseMhlontlo uLungile Ndabeni ngokuthi atshiselwe izithuthi ezibini emzini wakhe kwintsasa yangeCawa.Ngokwengxelo ekhutshwe sisithethi somasipala waseMhlontlo unobangela walomkhuba woonqevu awukaziwa. “Ngethamsanqa akukho mntu wonzakeleyo.Amapolisa ayaphanda kwaye abarhanelwa bazakubanjwa kungekudala.”
Amadoda afundiswa ngobudoda emaMpondweni
Amadoda kumhlaba wamaMpondo eFlagstaff adikwe yeyokosa afikelele kwisigqibo sokufundisa ngobudoda kulomadoda abudoda bawo bunemihlisela,ekungabalulwa abo babulalayo,izidlwengu,nabaxhaphaza abasetyhini kunye nabantwana njalo,njalo.Oku...