Kumnyaka ka-2019 ilizwe lothuswa yintwazana yakuTsolo eyathatha isithsaba sikaMiss South Africa kwakunye nesikaMiss Universe.Lowo yayinguZozibini Tunzi.Kulo unyaka sisenokuphinda sothuswe ngomnye unolali owazalelwa wakhulela eBizana.Lowo nguMahlubandile “Mahlubi” Thole olityndyana lomfana onamashumi amathathu anesihlanu eminyaka ubudala (35),ongenele ukhuphiswano lukaMr.South Africa.
UMahlubandile selegqithele kwisigaba sokuhluzwa kwabagqatswa.Ngoku ukwinqanaba lokuqinisekisa ukuba abaququzeleli bayamkhetha kumagqibela kankqoyi wolu khuphiswano.Akugqitha kwesi sigaba uyakuzibeka ethubeni lokujamelana namanye amadoda eqongeni ngomhla wokhuphiswano kwakulo nyaka.Oko uyawukuzuza ngeevoti zenu aphe : (https//:bit.ly/44njBzU) kwakunye nokumlandela kuFacebook.
“ Enye yezinto endinomnqweno wokuzikhankanya kwaye ndizibone zinikwa ingqwalasela kukungcikivwa kwabantu ngokwesini iGBV.Bendingathanda ukubona umthamo weziganeko zeGBV usehla,ingakumbi okwakubetha de kubhubhe umntu.Akukho kwanto enyanzelisa ukuba umntu ade aphakamise isandla;iingxaki zisonjululwa ngokuthetha.Ukuba umntu akaphumi kobu bundlavini bokubetha abasetyhini nabantwana kwakunyanzeleka sibenegqubo zoluleko ezifanelekileyo ezibandakanya amapolisa namasebe karhulumente ikwakhona nemfuneko yezifundo zokuzikhusela.Abantu baziququzelele iiklasi zeSelf Defence ekuhlaleni.Kubekho nenkqubo zoluleko lwengqondo ezihambahambayo (mobile theraphy sessions). Le nto iyindoda kufuneka iyeke ukutsibela ekubetheni umfazi,kufuneka imcingele kwaye yazi ukuba akufunekanga ukuba abelixhoba umntu wakhe,”uqhube watsho uMahlubi.
UMahlubi wayiqala kwaseSunday School eCaweni le nto yonobuhle.Ugqibe imatric yakhe eNongeke Senior Secondary waze wayofundela iPublic Relations Management eWalter Sisulu University eMthatha.Umsebenzi wakhe wokuqala ubeseMzamba eWild Coast Sun nalapho waqala njengeReceptionist waze wonyukela wayi-Public Relations and Promotions Co-ordinator.Uhambile wayosebenza ePitoli,wabuya wazokusebenza naseMayfair Casino eMthatha ngethula lokuvulwa kwayo.Namhlanje ukhokhele inkqubo yesiphatho esihle sengcungcu (VIP Service Manager) kwaseWild Coast Sun eMbizana.
Ngutata wabantwana ababini intombi nenkwenkweathi uphile ukuba ngumzekelo omhle kubo.Ukuxhasa uMahlubandile kolu khuphiswano lukaMr.South Africa 2024 qala ngokumlandela kula makhasi:- Facebook : @Mahlubandile Thole,Instagram :-@MahlubiThole.
: UMahlubandile Thole ojonge ukugqwesa kukhuphiswano lukaMr. South Africa 2024.