Kwiminyaka engamashumi amabini anane eyadlulayo kwathi thaa igqange lelitha phantsi komlambo iTsholomnqa kwilali yaseTwecu kwelakwaGompo.Eli litha yidyongwana yaseMatolweni abazali bakhe bakhe bamthiya igama lokuba nguLilitha.UNtsundwani ukhule ezimisele ukuqaqambisa ikamva lakhe ngemfundo.Lo mfana wakwaNtsundwani ukhulise ngutatomkhulu nomakhulu wakhe.Ngokubona intsokolo ekhayeni wathatha isigqibo sokuthengisa intlanzi kwizitalato zaseMonti ngempelaveki kunye nangeholide.
Uthe akuphumelela imfundo ephakamileyo waqalisa ukugqamisa izakhono zakhe.Sithetha nje uLilitha Ntsundwani ulitshantliziyo lolwimi lwesiXhosa nalapho wathi wawongwa ngokugcina olu lwimi (Language Presevation Award) ngomnyaka wama-2023.ULilitha uyimbongi yeqonga kwaye ukwanayo nencwadi ayipapashileyo ethi “Ukubetha kwentliziyo-The Heartbeat”, le ncwadi iqulathe imibongo engamashumi asixhenxe kwaye ibhalwe ngeelwimi ezimbini isiXhosa nesiNgesi.Ukwanguye umdidiyeli wembali zobom ngabangasekhoyo,nenjongo zako ikukuvakalisa ubuchule bokuba ngumbalisi nokuthuthuzela kumakhaya ngamakhaya.
UNtsundwani ngusomaqhuzu wenkampnai iKwetha Operations (Pty) Ltd nekunjongo zayo ikukuzisa ukukhanya kumacandelo afana nezoshishino,ezemfundo,ezonxibelelwano,ezobugcisa,ushicilelo lwemontlalo njalo-njalo.UNtsundwani uneminyaka emibini esebenza njengomdidiyeli weendaba zesiXhosa kumabonakude weziko losasazo i-SABC. “Ukubizwa ngosaziwayo akushukumisi nto iyaphi kum,mna ndikholelwa kwisimilo sam esiyintsusa yemisebenzi yam njengeyonanto engungqo ngapgezulu kwendlela endaziwa okanye endibizwa ngayo;ntoleyo endenza ndibhale ndizinzile ekubeni ndim ndingaphithizeliswa yingxolo nokutshintsha –tshintsha kweentetha zabantu.Kaloku ndikhuliswe ngumakhulu uNozolile ongasekhoyo nowandifundisa ukubaluleka kwam,ngaphandle kobukhazi-khazi bezinto,nto leyo yandenza ndandeka ekubeni ndim yaye kwindawo endikuyo ndisoloko ndinokwanela nokubulela,”ucacisa atsho uNtsundwani.
ULilitha wamkelwe kwizitalato zamakhasi onxibelelwano nalapho wathi wafumana igama lokuba “Li2K elibhadlileyo”,oku kulandela indlela achebeke ngayo nanikeze ngayo amava,iingcebiso kunye nemfindiso ngenkcubeko abe esekwiminyaka elula. “Kwimihla yangoku kulula ukwenza indumasi ngokutyhakala,”utsho uLilitha.Utyunjwe njengomthathi nxaxheba kukhuphiswano lwamadoda okungenkcubeko uMr.Heritage South Africa 2025. “Olu khuphiswano lusegazini kum njengoko ndikuchasile ukutyeshela iingcambo zam,ndikuxabisile apho ndiphuma khona nalapho ndiya khona.Njengonyana woMzantsi Afrika othe wavuthisa umlilo othe wothiwa nguMbo noMxesibe kwezenkcubeko kuquka nemisebenzi,isinxibo nobugcisa ndithe mandiwuthi xhaxhe umgangatho ngokungenela olu khuphiswano lungobuAfrika nobuXhosa ukuze konke oku kwaziwe nangaphaya kwemida yoMzantsi weAfrika.Kum inkcubeko kukungacinezeleki ebuchotsheni ngobuwena,kukuphilela ukuphuhlisa le nto ikwenza ubungumntu owohlukileyo phakathi kwabanye abantu.Inkcubeko kukuxabisa ababesaya kuxatyiswa ngaphambile nokusasixhasileyo kweli lixa.Silikamva langoku kwisizwe sethu,akumelanga silinde iminyaka ethile ukuze siqhakazise inkcubeko yethu,”utsho uLilitha.
Loo gama zingekapapashwa iinkcukacha zokuvota kuMr. Heritage South Afrika uluntu lungamlandela kumakhasi onxibelelwano elingu: Lilitha Ntsundwani.