UThandeka ‘Nkqo’ Vabaza oyimbongi nemvumi ukwiphulo lokuphuhlisa izakhono kwiimbongi ezikhulayo.UVabaza owasungula iSoul Clap Session ukwenza oku ngokusingatha ukhuphiswano ngokubonga kubafundi bamabanga lesinala kwizikolo ezingqonge uMthatha.Ngunyaka wesibini lo olu khuphiswano luqhubeka kwaye inkxaso yalo iya ikhula.Ukhuphiswano belubanjwe eMthatha Art Centre eNorwwod eMthatha.
Kulo unyaka eli phulo luzuze inkxaso kwisebe leZokhenketho,u-MTN Pulse,usapho lakwaDanana,Mpama noVabaza.UNkqo uthi into emncedisileyo ukuba olu khuphiswano luye lukhula yintsebenziswano anayo nootitshala abafundisa isiXhosa neZobugcisa.Kulapho kuye kutyunjwe khona abafundi abazonela isikolo ngasinye.
UVabaza uthe phambi kokuba kuqhutywe ukhuphiswano kubakho uqeqesho kwimiba amabayiqwalsele abo bangenela ukhuphiswano. “Ngaleyo ndlela siyabaxhobisa ngolwazi nezakhono ukubalungiselela imisebenzi masithi mhlawumbi athathwe ukuba ayobonga epalamente.Kufuneka enze into aqinisekileyo ngayo,”kutsho uNkqo.Abaphumeleleyo banikwe imali nezipho.
UThizi Mathe ongutitshalakazi uthe olu khuphiswano luyancedisa ukuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa olukhangeleka lusimka nomsinga osingise kwantshabalalo. “Into esiyibona kulutsha kukukhokhelisa ulwimi lwesiNgesi ngokungathi lubaluleke ukodlula olu lwethu lweenkobe.”Uhambise wathi unqwenela ukuba eli phulo likhule likwazi ukuphumela ngaphandle kwisithili i-O.R Tambo.