UNtsika Tyali yinesi eneminyaka engama-38 ubudala uxelenga kwiklinikhi yaseNgangelizwe, eMthatha.Le nesi iyintandane kakhulu kwizigulane zale klinikhi ngenxa yembeko,ukunakekela abantu nomoya ophantsi.Uthandwa kakhulu ngabantwana nabantu abadala ngenxa yempatho yakhe entle;kodwa oku akumnqandanga ukuba azibone ekwicala elingalunganga lomthetho.
Ngomhla wesithandathu kulenyanga amaxhoba amabini athi ahlaselwa aze axhwilwa ekhayeni lawo eNgcobo,ze aqweqwediswa ngemipu ukuya kufakwa kwizithuthi ezingaziwayo.Kuvakala ukuba abaqweqwedisi aba bathi bafuna izigubha zemali kumaxhoba,baze bathatha amakhadi ebhanki neenombolo zamakhadi.
Bazenzele ke kwimali yamaxhoba bethenga oni-noni kuquka impahla zikanokutsho emva kokuba begqebhelene ngemali yamaxhoba,nalapho kutyholwa ngokuba le mali iyafika kwimali engange-R1.5 yesigidi.Uphando luye lwaqhuba emva kokuba amaxhoba efake isimangalo kwisikhululo samapolisa eNgcobo.Amapolisa afumana omnye wabarhanelwa ehamba ngemoto eluhlobo lwePolo nekuvakala ukuba walwa kwaqhawuka isali engafuni kubanjwa kodwa waze wabe uyabanjwa ekugqibeleni. Lo mrhanelwa kwathi kanti nguNtsika Tyali,unesi lo waseNgangelizwe Clinic.Ngokwengxelo yamaxhoba uNtsika lo nguye owayengungqondongqondo ngosuku lwesiganeko.Batsho besithi wayengabonakalisi velwano kwaphela efuna ayifunayo.Kwiveki ephelileyo iNkundla kaMantyi eNgcobo isikhabile isicelo sakhe sebheyile kwaye uyakuthi avele kwakhona enkundleni ngomhla wokuqala kwinyanga yeThupha.Oogxa bakhe abathathu ekukho nenekazi