Abazali belali yaseMabheleni,eZimbane eMthatha bayaqhuba nephulo lokuqinisa ukusetyenziswa kweNkciyo ukukhuthaza amantombazana aselula ukuba angakhulelwa,angangeni kwiziyobisi kwaye aqiniseke ngemfundo.
Inkciyo yavunywa lisebe lezeMpilo njengesinye sezixhobo zokunqanda ukwanda kwezifo nokukhulelwa okungacwangciswanga kwamantombazana aselula ngeminyaka.Kusuku lwangoMgqibelo kuwongwe iintwazana ezimbini phantsi kweMsintsi Dancers ngokufikelela kwishumi elinesibhozo zisazigcinile.
I-KSD (King Sabata Dalindyebo) yenye yeendawo apho kukhulelwa abantwana abaneminyaka elishumi qwaba ubudala ukubheka phezulu.Umsunguli weNkciyo eMabheleni eZimbane uFuzeka Pam Mbovane uthi baqale ukuqokelela abantwana ngomnyaka wama-2021 emva kokubona ukukhulelwa nokusetyenziswa kakhulu kweziyobisi. “Sifuna bakhule bezikhethela bangenzi izinto ngenxa yoxinzelelo loontanga babo.Ingqondo mayibe ndala azokwazi umntwana akwehlula okulungileyo kwinto etenxileyo,”kucacisa uMbovane.
Ukugxekwa kweNkciyo ngabanye abazali kuchazwa njengomceli mngeni omkhulu kodwa uMbovane uthi bayabafundisa abantwana nabazali bangatyhafiswa ngobholel’ecaleni.Intombi- nto ewongiweyo uMivuyo Mntwana uthe: “Ndiyavuya ndiwongiwe ngokuzingca.INkciyo iyasinceda sisinde kwizifo eziquka intsholongwane kaGawulayo,sidlala ibhola,siyaxhentsa neminye imdlalo evula ingqondo.”
UPhelokazi Vukuzela naye uwongiwe uthethe wenjenje: “Ndiziva kamnandi ngokufika kwishumi nesibhozo leminyaka ndiyintombi-nto ndingaphathwa-phathwa.Ndifundiswe ukuziphatha,intlonipho,uthando ndikwazi nokuthetha,iintanga zethu ziyasigxeka ngokuzingca kodwa mna ndinomnqweno wokuphuma ngomtshato eNkciyweni.Ndikhuthaza nabanye baye kwiNkciyo.
UFuzeka Mbovane,uMivuyo Mntwana nomama wakhe ngethuba ewongwa kwiNkciyo eZimbane eMthatha.