Abantu abanamakhaya ngenxa yenkanyamba
Umoya obhudla ngamandla kwiphondo leMpuma Kapa ushiye iimpula zikalujaca zingenazindawo zakufihla intloko.Kwisixeko saseMakhanda neelokishi ezingqonge la dolophu,imizi eliqela imke nomoya oshiye ingqushu yomonakalo.Nakumbindi wedolophu yimithi evale iindlela nezindlu zisiphuke amaphahla.Ingqele enenkwankca neqhaqhazelisa amazinyo nebikhatshwa ngumoya ichachathekise needonki zaseNkanini.Ngokwengxelo ilishumi imizi emke nomoya eMakhanda.
Kusenjalo kwisibhedlele saseCofimvaba,igumbi lokubelekisa lincothulwe ngumoya lemka uphahla bashiyeka abadlezana bengena phantsi kweebhedi,bambi bencathame ezikoneni ingulowo ekhusela imveku yakhe.Bathe besancancisa kwavakala ukushukuma kophahla kanti kukumka kwalo.
Iziko lezempilo lasekuhlaleni iZwelitsha e-NU 12 lichaphazelekile nalo.Ezinye zendawo ezichaphazelekileyo sisibhedlele sephepha iNkqubela kunye neziko elincinci lezeMpilo iMasakhane ekumasipala ombaxa waseBuffalo City.Kumasipla wesithi sase-OR Tambo iPort St.John’s Community Health Centre nayo intlitheke kanobom xa kusiphuka isakhiwo.Yindawana encinane yokugcina amayeza kwisibhedlele iNompumelelo eNgqushwa nalapho kuye konakala imbinana yamayeza.
Kwisibhedlele iCarthcart bamanxadanxada bezama ukungciba indawo ebimke nomoya kwiveki ephelileyo.Bonke abadlezana abachaphazelekileyo kwisibhedlele saseCafimvaba bagciniswe kwisibhedlele saseNgcobo eAll Saints abanye bagoduswa.
EZiphunzana kuNgolo kufutshane nedolophu yaseMthatha imithi yonakalise iintambo zombane.