Umnikazi wendawo yentselo uphakathi kwabarhanelwa abane ababanjelwe ukubulala abantu ababini eBhityi ngoMgqibelo weveki esiphuma kuyo.NgoMgqibelo umhla wesixhenxe kule imiyo abacuphi namapolisa aseBhityi bebephanda ngomntu olahlekileyo,uphando lubakhokhelele kumnini wendawo yokuthoba unxano wasekuhlaleni,owabathatha wabasa ezindongeni eNqwathi.
Abacuphi bafumene imizimba etshileyo yamadoda amabini aneminyaka engama -28 nama-30 ubudala.Ngabantu abaziwayo kodwa iinkcukacha zabo ziza kukhutshwa emva kokufaniswa kwale mizimba.Kutyholwa ukuba la maxhoba mabini aye abandakanyeka ekubiweni kotywala kwithaveni yasekuhlaleni kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo. Abarhanelwa abane abaphakathi kweminyaka engama -28 nama-65 ubudala babanjiwe kwaye baza kuvela kwinkundla kaManti yaseBityi kule veki,bejamelene netyala lokubulala