Ukunyathelela phezulu kwamapolisa kukhokhelele ekubeni kubanjwe abarhanelwa ababini abanxulunyaniswa nokuphanga kwishishini elithile kwidolophu yaseLibode kwintsasa yangoMgqibelo.Kuvakala ukuba iqela lamadoda alinganiselwa kwishumi ebexhobe ngemipu emikhulu agaleleke kwishishini kumbindi wedolophu yaseLibode ngecala emva kwentsimbi yokuqala ekuseni (1.30am).Akwazile ukungena kule venkile aze athatha iisefu ezimbini eziqulethe isixa -mali esingachazwanga.
Isithethi samapolisa kummandla waseMthatha uCaptain Welile Matyolo uthi isithuthi samapolisa ebesijikeleza njengesiqhelo sithe sadutyulwa, kwaze konzakala amapolisa amabini angeniswe kwisibhedlele saseMthatha buphuthu-phuthu.Emva kokuchazwa kwesi siganeko kumagosa akwantsasana ecandelo leTactical Response Team athe asabela akhangela abanqalintloko.
Amapolisa afumene umkhondo othi abanqevu basingise ngaseNtlaza apho afike aqhuba khona ugqogqo aze afumana umpu oluhlobo lwe 9mm neembumbulu zomrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo eminyaka ubudala.Kukwaphindwe kwafunyanwa nomnye umpu unezinye iimbumbulu kumrhanelwa oneminyaka engamshumi amabini anesibini ubudala.Kamva unxulumaniswe nophango njengoko kuqhuba uphando.Uza kujamelana netyala lokuphanga nelokuhlasela amapolisa nokuzama ukubulala.Uphando luyaqhuba.Ngokutsho kwamapolisa kungabanjwa abanye abarhanelwa kungekudalaAbarhanelwa kulindeleke bavele enkundleni yamatyala eLibode kuleveki.