Ilali yaseMqhekezweni ,eMthatha,edume ngolwaphulo mthetho, ikwiphulo lokuhlangula amantombazana aseleula nabafana kwiziyobizi,ukuzibhubhudla nokukhulelwa okungacwangciswanga.
Oku kuthethwe yiNkosi yelali uNkosi Nobulali Mtirara ngethuba kusaziswa Inkciyo ngokusesikweni komkhulu ngoMgqibelo weveki edluleyo.Amantombazana abeyinxalenye yalo msitho aqabele kumakhulu amathathu.Kuvakala ukuba oku yayiliphulo likaNkosi Zanomthetho Mtirara ongasekhoyo. “Iinjongo zokusungula Inkciyo kukufundisa amantombazana ngexabiso lawo.Ikamva labantwana liyatshabalala sizama ukubuyela eMbo.Sikwanqanda umkhuba weziyobisi nokukhulelwa,” kucacisa uNkosi Nobulali Mtirara.
U-Ayanda Mtshelwane wenkampani engenzi nzuzo i-SONGE SOCIAL CHANGE uthe: “Siyavuya ukuqalwa kweInkciyo apha eMqhekezweni e-KSD. Lo mmandla we-O.R Tambo ujamelene nengxaki yokukhulelwa kwabantwana abaselula.Siyalixhasa eli phulo ukubheka phambili.Sinqwenela ukubona umanyano.”
USomeleze Matikinca (22) welali iMatheko oyintombi nto uthe: “Siyahlekwa ngabanye ngokuhamba Inkciyo,kufuneka unyamezele uzazi ukuba ufuna ntoni ngokuza kwi-Inkciyo.” UKhuthala Luvalo wesebe lezeMfundo naye uliqhwabele izandla iphulo lokuqalwa kwe-Inkciyo eMqhekezweni esithi kwiinkampu zeNkciyo makuxhentswe kufundiswane nomsebenzi wesikolo.Lo msitho ubuhonjiswe ngemixhentso neengoma ezithi ‘owayibhubhudlayo uyazisola’.Kulindeleke Inkciyo iphehlelelwe ebudeni bonyaka.
: Amantombazana akumakhulu amathathu azibandakanye nenkqubo yeNkciyo eMqhekezweni