Umbutho wamagcisa ongenzi nzuzo u-ACASS(Advanced Creative Side Skills) ngomhla wokukhunjulwa kwaMalungelo oLuntu ubusingathe intlanganiso yecweyo kwisikolo iKhanyisa High School kwilokishu yakwaPaine eMthatha.
Lo mcimbi ubuxhaswa lisebe lezeMfundo abafundi baseWalter Sisulu University ne-ASMFP.UMnumzana Fatyela olisekel nqununu uthe olucweyo luzakuphucula iziphumo zemviwo ekupheleni konyaka.Uthe akalindelanga ukuba kungakho umfundi ofumana amanqaku angeneno ku-50% kwiimviwo zokuphela konyaka.Abafundi bebefundiswa ngabanatu abanamava kumacandelo abo kuba bekukho iimvumi,abadlali beqonga,abalawuli kwimveliso yemidlalo kamabonakude,iimvumi nabadanisi.UBilly Dakada ongumdlali weqonga uye wenza umboniso ngomdlalo awubhale ngokwakhe iRevonia Trial.UDion Skoti ongumlawuli wezobugcisa (creative director) uxobise abafundi abanomdla kwimidlalo kamabonakude nemiboniso-bhanyabhanya.
Iqela leMarimba lase-WSU lilo ebelisonwabisa ngomculo omyoli.UZibele Tshakaza ongumfundi wonyaka wesibini kwicandelo lomculo e-Walter Sisulu University ungumdlali wohadi.Uthe ngokwenza njalo uzama ukugcina inkcubeko yesintu ngomculo. “Sikhula kumaxesha apho kungasekho mfundiso emakhaya.Kumaxesha amandulo abantwana babefundiswa ngamabali ahamba nokubaliswa kweentsomi nto leyo ingekhoyo kulemihla.” UZibele uke wabonakalisa isakhono sakhe kumculo wesiNtu ngokudlala kukhuphiswano lweNdoni. Olu cweyo belulungiselelwe abafundi abenza isifundo seCreative Arts ukusuka kwibanga ugrade 8 ukuya kugrade 12.UMhlanguli Mbelu (14) owenza ibakala likagrade 8 uthi ufuna ukuba ngumdlali weqonga kwaye le ntlanganiso imncedisile ukuba aphelelwe zzintloni xa eseqongeni.
: UZibele Tshakaza ongumdlali wohadi ungumfundi e-WSU kwicandelo lomculo.