UKwakhanya Gwadiso yimvumi eneshumi elinesixhenxe leminyaka engumculi ocula yedwa (soloist) uyakunqandwa ziinkwenkwezi emculweni.UKwakhanya ongumfundi kwisikolo iHoly Cross eMthatha unekamava eliqaqambileyo emculweni.Ukuza kuthi gaa ngoku ugqwese kathathu kumakhuphiswano amathathu athe wawangenela.Ngenxa yalempumelelo uKwakhanya uchongwe ukuba ayomela iMpuma Kapa kukhuphiswano i-ABC Motsepe SASCE ingaphelanga lenyanga eGoli.
Umculisi nokwangumqeqeshi kaGwadiso,uMnu Gobingca uthethe wenjenje: “Oko wathi wazibandakanya nomculo eli tyendyana lomfana labonakalisa isiphiwo esingumangaliso.Ukuzinikezela kwakhe kwinto ayenzayo kumenze kwalula ukuba siqapheleke isakhono anaso emculweni,nto leyo ezawukwenza ukuba kuzalisekiswe iphupha lakhe.”
“Nanjengoko ezilungiselela ukhuphiswano oluseGoli uzithembile ukuba uzakubuya nembasa yegolide.Ngokwetalente anayo nokuzimisela andiboni nto enokuma phambi kwakhe ukuba agqwese kolu khuphiswano,abeke eli phondo emephini.Ukusebenza nzima,umonde nenkxaso yesikolo sakhe noluntu zezona zinto zizakumnika ukuzithemba ukuze aphume emagqabini.
UKwakhanya Gwadiso imvumi eyomela iphondo leMpuma Kapa kukhuphiswa lomculo eGoli.