Isigqeba esikhuthaza ukulinywa kwentsangu kwelamaMpondo sijongene noxanduva lokuqinisekisa ukuba abalimi bayaxhamla kwezoqoqosho nokugcinwa kwembewu yeli cuba ukuze ingatshabalali njengoko kungenelela iintlobo ezintsha ezivela kumazwe aphesheya.
Kwiveki esisuka kuyo iMpondoland Cannabis Belt ibibambe ingqungquthela yabavelisi becuba labaThwa kwizithili ezibini i-OR Tambo neAlfred Nzo.
USnoux Phoswa onguNobhala wesi sigqeba esilawulayo uthi injongo yabo kukuqinisekisa ukuba abalimi bafumana uqeqesho olufanelekileyo ukuze balime eli cuba bafumane ingeniso njengoko zininzi izinto ezinokwenziwa ngalo. “Sifuna abantu bakuthi balime,baphinde bafunde ukuvelisa zonke iimveliso ezenziwa ngesi sityalo ezifana namafutha,ukuvelisa ipetula,iimpahla kunye nezitena kuba ezi zizinto ezidingwa ngamandla luluntu,”utsho uPoswa.
“Okuphambili sikhuthaza abantu ukuba bafunde ukwenza izitena ngesi sityalo kuba isitena saso asitshi noba kuqhambuka umlilo kwaye siyawafunxa amanzi xa kunetha,siphinde siwakhuphe kwakuyeka imvula.Sifuna abantu baxhamle kangangoko kubutyebi babo bungathathwa ngoondlebe zikhany’ilanga,” kucacisa uPoswa.
Lo kaPoswa uqhube ngelithi bashumayela ivangeli lokuba abantu mabaziphuhlise ngolwazi kuba emva kokuphuma kwesiphakamiso “IPhakamisa Resolution” akukho namnye umntu ekulindeleke ukuba abatshwe ebotshelwa ukulima nokufunyaniswa enomya.UPoswa uhambisa athi bengamaMpondo abahambisani nomthetho omtsha karhulumente wokuthengiswa kwempepha mvume zokulima intsangu. “Eli licuba elalinywa ngookhokho bethu kwiminyaka engaphezu kwekhulu,nathi sikhule sililima ngako ke akukho sizathu sizakubangela ukuba sihlawuliswe ukuze sililime.Thina sithi abo bafuna ukwenza amachiza nezinye iimveliso ezidinga imvume ngabo ekufanele bafumane amaphepha mvume,”uhambisa atsho uPoswa.
Enaba kwintetho yakhe uPoswa ugxininise ukuba bona bafuna urhulumente athi xhaa ekuthengeni imbewu yecuba lomya kumazwe aphesheya kweelwandle kuba oko kuza kutshabalalisa icuba labo lemveli nagonaililona linobuncwane obuqaqambileyo obudingekayo ukwenza imveliso ezenziwa ngeli cuba. “Icuba lasemaMpondweni line “dominant genes” ekuzezona ziqaqambileyo kwaye zikulungele ukwenza imveliso ze-oli kunye nezitena.
Icuba labaThwa lingaluhlumisa uqoqosho kwelamaMpondo.