Nanjengoko inyanga yeThupha iyinyanga yamanina kuye kukhunjulwe umzabalazo wamanina amhlophe,amandiya nemidaka.La manina enza umngcelele osingise kwizakhiwo zolawulo zorhulumente wocalucalulo lwamabhulu eUnion Buildings ePitoli.Amanina ayengaphaya kwamawaka amabini ayeyoqhankqalazela umthetho wamapasi neminye imithetho enengcinezelo.Kumanina esithethe nawo ebekho uPamela Timakwe ongumsunguli noMhleli wolindixesha iEastern Cape’Womena Magazine.Yena uthe kubaluleklle ukuba ukhunjulwe umzabalazo wamanina ka-1956, unembali nenkumbulo ezicacileyo ngendima eyadlalwa ngamanina kumzabalazo wenkululeko kunamanina alemihla.Nesizukulwana esizayo kubalulekile ukuba siyazi indima eyadlalwa ngamanina emzabalazweni ukuza kuthi gaa ngenkululeko ka-1994.“Amanina ayemanyene ezabalazela izinto ezicacileyo zokuphuhlisa intlalo yoluntu.Kulemihla amanina anamhlanje ayaphakamelana awathandi ukubona elinye inina liphumelela.Anento ekuthiwa yi-pull her down syndrome. Kulemihla sijamelene nokudlakatheliswa kwamanina,intswelongqesho edala indlala kumanina.Ingxaki amanina anamhlanje atyeshela indlela awayekhuliswe ngayo.Amanina ayesithana imihlana equmana. Kude kuthiwe amanina ayethandaza kume imigodi.Namhlanje akunjalo, kwaphela ubuntu.
Ayabanjwa amaphulo okwazisa nokulwa ulwaphulo mthetho olujoliswe kumanina,amanina axhwalekile ngeendlela eziliqela xa uqwalasela kakuhle uye uqaphela ukuba kukho amanina abenesandla kwintlupheko yamanye amanina. Amanina ayabukulana awaxhasani nakwizikhundla zokuphatha.
UKhanyi Mingo waseGqeberha ongumdlali wamabali kanomathotholo kuMhlobo Wenene FM uthi imibhiyozo yomhla wamanina inentsingiselo kuba amanina akhona akwizikhundla zolawulo,akhona amanina azimeleyo kwezoshishino nasekuhleleni kodwa amanina asengamaxhoba okuxhatshazwa.Yena uthi kungakuhle ukuba eli lizwe lingakhe libenoMongameli olinina okanye isekela Mongameli.
UThulisiwe Mvambo ongumfundi kwidyunivesithi iWalter Sisulu eMthatha uthi umgaqo siseko weli lizwe wawavulela amathuba amanina. “Kulemihla siyawabona amanina ekwizikhundla eziphezulu,amanina ayakwazi ukuba ngabaqhubi benqwelomoya.Amathuba avulelekile.Nabazali banamhlanje bayakubona ukubaluleka kokufundisa umntwana oyintombazana.Laphela elaxesha apho kwakusithiwa indawo yenina isekhitshi.”
UPamela Timakwe ongumsunguli noMhleli wolindixesha iEastern Cape Women’s Magazine uthi kukho amanina angabacinezeli kwamanye amanina.