UXolile Nqatha onguMphathiswa wesebe leZothutho noKhuseleko loLuntu ebeyolilisana nosapho lakwaMajenge kwilali iTholeni kwaBhaca,ngethuba kungcwatywa amalungu amahlanu olu sapho.Esi sihlanu sisutywe kukufa kwingozi emasikizi emva kokungqubana kwezithuthi ezibini kuhola wendlela u-N2 ngaphandle kwase Dutywa,kuye kwasweleka abantu abasibhozo ngeCawa yeveki ephelileyo.
UMphathiswa wesebe lakwa Public Works and Infrastructure uNtombovuyo Nkopane isikhokelo somasipala wesithili i-Alfred Nzo kunye nomasipala Umzimvubu bebeyinxalenye ebizimase le nkonzo.
Kusenjalo abahlali belali i-Toleni,amalungu weemvaba ngeemvaba ,amagosa waseburhulumenteni,abasebenzi besebe lezeMpilo,abongikazi nabo bebekhona beyokugxwala emswaneni nelakhaya.Egameni lorhulumento lwephondo uMphathiswa ugqithise amazwi ovelwano kusapho,izihlobo nabo bonke abasondeleyo
Iibhokisi ezintlanu zamalungu osaphp lakwaMajenge kwaBhaca,angcwatyiwe