Amapolisa oMzantsi Afrika (SAPS) eMpuma Kapa avule amatyala amahlanu okubulala kulandela isehlo esimasikizi kwindlela u-R345 ngaseCrossroads ngaphandle kwaseNgqushwa (Peddie).Esi sehlo senzeke ngoLwesibini weveki ephelileyo.Amapolisa athi abizelwe kwindawo yexhwayelo apho abhaqe izidumbu ezitshisiweyo zabantu abahlanu (5) ngaphakathi kwisithuthi.
Amaxhoba atshe ngendlela ekunzima ukuwazi ukuba ngoobani,kwaye isithuthi sona sonakaliswe kakhulu,nto leyo eyenza ukuba singabonakali okwangoku.ICandelo loPhando loLwaphulo-Mthetho lweZithuthi lenziwe lasebenza ukuseka ubunini neenkcukacha zobhaliso lwesithuthi.