Yintatheli yeKhwezi
Kulindeleke libuyele kwinkundla yaseBhisho ityala labarhanelwa kurhwaphilizo kudliwa imali yokulungiselela isikhumbuzo sikaGqirha Nelson Mandela owayenguMongemeli wokuqala woMzantsi Afrika okhululekileyo.UMadiba omde waseMvezo wasweleka ngonyaka ka-2013.
Kutsha nje inkundla ikwamkelwe ukungqithiswa kobungqina obukonomyayi obugqithiswe ziHawks.ULuxolo Tyali weNPA uthi iGunyabantu loTshutshiso kuZwelonke uthi iyasamkela isigwebo senkundla nto leyo ethetha ukuba ityala lizoqhuba emva komceli mngeni namagingxigingxi exesha elide obangelwe zizicelo ezafakwa ngabarhanelwa abalishumi elinesibini bechasa ukwamkelwa kobungqina beflash drive obafakwa ziHawks ngomhla we-9 kweyoMsintsi kunyaka ka-2022.
Esi sicelo sanyanzelisa kuqhutywe ityala kwelinye icala.UTyali uthi sigwebo sithetha ukuba oyena ndoqo wokuxoxwa kwetyala uzoqhuba emva kokumiswa kweli tyala amatyeli aliqela.Abarhanelwa bajamelene namatyala obuqhetseba,ukunaniselana ngemali,ukophula imigaqo elawula ukuchithwa kwemali karhulumente.
Abarhanelwa ngaba balandelayo: uPhumlani Mjolo owayefudula enguSihlalo we-ANC eDr.Rubusane,Pumlani Mkolo owayefudula enguSodolophu waseBuffalo City Metro (BCM) uZukiswa Ncitha,uLuleka Simon-Ndzele,Themba Tinta,Sindiswa Gomba owayefudula enguMphathiswa wesebe lezeMpilo eMpuma Kapa kunye noThembelani Sali.
Abanye abarhanelwa kweli tyala nguOndela Mahlangu,Viwe Vazi,Forty Wings Lodge CC,Nosiphiwo Mati,Mpindos Emergence Trading CC kunye noNqaba Ludidi.
Bebonke zange bawavume amatyala abatyatyekwa wona anxulumene nokwehliswa ngemilenze kwemali yokulungiselela isikhumbuzo ngaphambi kokungcwatywa kukaMadiba ngo-2013.I-NPA ithi inethemba lokuqhuba kweli tyala de ligqitywe abantu babone ukwenziwa kobulungisa.