Amapolisa aseMthatha alumkisa abantu, abafake izicelo zokuqeshwa njengamapolisa,ngomntu otsalela abantu iminxeba afune imali aze abathengise ngengqesho.La mapolisa athi ifikelele ezindlebeni zawo ingxelo ngomntu otsalela umnxeba abantu abafake izicelo zengqesho esithi mabafake imali bazobuyekezwa ngengqesho.Oku kwenzeka kanye ngethuba iqhuba inkqubo yabo bafake izicelo zokungena kwinkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika (SAPS).
UCaptain Welile Matyolo othethela amapolisa kummandla waseMthatha uthi amapolisa akasoze afune imali kubafaki bezicelo abaphumeleleyo okanye abangaphumelelenga kwaye abaqeshanga mntu ozonxibelelanisa abafake izicelo namapolisa ngokwengqesho.
UCaptain Matyolo uqhuba athi kuyavelwa ukuba nanini ubani efumana lo mnxeba ukrokrisayo angatyelela ngobuqu bakhe iofisi yengqesho emapoliseni kwisakhiwo i-PRD Building -10th Floor eze ephethe isazisi sakhe.Kungenjalo angatsalela umnxeba le ofisi yengqesho -047 5055000 kwaye ukutshintsha kwenombolo kuzokwaziswa.