Amapolisa athe atyalwa kwiphondo leMpuma Kapa ukuze alwe nemigulukudu egrogrisa oosomashishini kweli phondo.Oosomashishini bayabulawa bayathinjwa bambi batshiselwe amashishini wabo.UFanie Masemola onguMkomishinala wamapolisa kuzwelonke wongezelele amapolisa kwisithili se-O.R Tambo ukuza kulwa umkhuba woonqevu abaphethe manzonzo oosomashishini ngokubanyanzelisa ukuba bahlawule imali ekuma-R20000 ekuthiwa yiprotection fee.Ukongezwa kwamapolisa kulandela utyelelo lwamva nje loMphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu.
UMchunu utyelele imimandla equka iGqwberha noMthatha apho imigulukudu exhaphaza amakhaya, izikolo namashishini.Isithethi samapolisa kuzwelonke uAthlenda Mathe uthi kumiselwe igqiza labecuphi aphuma kwiinkalo ngenkalo kweli phondo ukuze banqande lo mkhuba.