Uphantsi kogcino lwampolisa esibhedlele unqevu onamashumi amathathu eminyaka odutyulwe ngempazamo ngugxa wakhe ngethuba bebezama ukuphanga imali kwisithuthi sakwa-G4S eXhorha ngentseni yangoLwesihlanu.Umrhanelwa ubanjwe ngamacandelo amapolisa aquka iHawks Cash In Transit Task Team,iCrime Intelligence,iTacticala Response Team,iElliotdale Visible Police and Detectives,iNational Intervention Unit neQueensatown Public Order Police namanye amacandelo.
Ingxelo ekhutshwe nguCaptain Yolisa Mgolodela osisithethi seHawks eMpuma Kapa olu phando lwenzeke ngethuba oonogada beqokelela imali kwihotele iSiyaphambili nendawo ethengisa utywala.UCaptein Mgolodela uthi oonogada bagagene nemigulukulu emithathu exhobileyo evulele ngeembumbulu kubo.Omnye wabarhanelwa kuvakala ukuba uthe waxhwila imali kodwa wadutyulwa ngugxa wakhe ngempazamo watsho wawa kufuphi nale bhokisi yemali.
Oogxa bakhe ababini bakwazile ukubaleka ngeenyawo bayongena ehlathini.Imali abakwazanga kubaleka nayo.Kufunyenwe umpu okhuhlwe iinombolo neembumbulu kufutshane nalo nqevu wonzakeleyo.Lo mgulukudu uxelele amapolisa ukuba usuka eMargate kwiphondo laKwaZulu-Natal loo gama oogxa bakhe besuka eChrisi Hani naseMandela Park eMthatha West.Uphando lokuqala lwamapolisa luveze ukuba lo mpu wohluthwa kunogada exhonyisiwe kwinyanga ephelileyo.Umrhanelwa ubhil-bhilwe ngamagosa enkonzo zikaxakeka wathunyelwa esibhedlele kamva apho ajongwe khona ngamapolisa.Kulindeleke ukuba avele enkundleni yamatyala eXhorha asochacha.
Amapolisa asaphica abarhanelwa ababhungcileyo kunye nomqhubi wesithuthi esiluhlobo lweAvanza ekutyholwa ukuba sehlise abanqevu kufutshane nomlambo okule ndawo.