UApollo Bangani ongumqeqeshi webhola ekhatywayo uthi ibala iLesseyton elakhiwa eKomani ngamashumi amabini anesibini ezigidi zerandi (R22m) liyingozi ukuba kungadlalelwa kulo ngoku selijike yalithafa lokudlela iinkomo.UBangani ongumqeqeshi weqela lebhola iShining Stars uthi iqela lakhe zange lilisebenzise elibala ukusukela ukuvulwa kwalo ngomnyaka wama-2021.Ukuvulwa kwalo kwafumaniseka ukuba lomile,linamagquzu,nendawana yokuhlala ababukeli eyenziwe ngeentsimbi. “Akukho kwamdlalo owakhe waqhutyelwa kweli bala.Nditsho nkqu nabadlali bombhoxo zange balisebenzise.Ayindonwabisi into yokubona indlela ekwachithwa ngayo imali.Zange lakhe lalungiswa eli bala kuba akukho mntu owabonakalisa inkathalo.”UBangani uthi babhenela kumabala akwindawo abahlala kuzo nangona ingamabala agwedliweyo kwaze kwakhula ingca angcono kakhulu kuneli elakhiwe ngezigidi.
Kwinkcaza yakhe uMkhuseli Woluntu uKholeka Gcaleka ugxeke umasipala waseEnoch Mgijima ngokungenzi uhlolo kulaprojekthi.Uthe ithenda eyanikwa iThalani Civils yedlula kwi-R18.7m eyayibekelwe yona yedlula nge-R4.7.UGcaleka ungqinile ukuba kunizni okungazange kuhambe ngendlela kule thenda.UGcaleka uthi umasipala wabhatala iThalani Civils i-R15.1 yezigid ngaphandle kokuqinisekisa ukuba umsebenzi wenziwe.Inkcukacha zebhanki azingqini ukuba kukho intlawulo eyenziwayo yolwakhiwo.Ngaphezu koko uZolile Williams onguMphathiswa woLawulo ngoBambiswano neMicimbi yeMveli walibazisa ukunika ingxelo yophando kangangonyaka,esophula umthetho ngokwenza njalo.UGcaleka uhambisa athi iThalani Civils yenza iintlawulo kubantu abangenakungqinwa yiofisi yakhe.UGcaleka wathi akuphawula ukuba zininzi izinto ezingenzekanga ngendlela le nyewe wayidlulisela kooKhetshe ukuba bayiphande.
UGcaleka waphakamisa ukuba iNkulumbuso uOscar Mabuyane makathathe amanyathelo ngakuWilliams ze yena ase ngaphambili abasebenzi abachaphazelekayo zingaphelanga iintsiku ezingamashumi alithoba.Waphinda wathi uManejala kaMasipala makagqithise ingxelo nyangazonke malunga nophando olwalugqithiselwe kuMphathiswa uWilliams.