Imveku eneminyaka emibini izelwe kunye noninakhulu oneminyaka engamashumi amathandathu ananye ubudala baphakathi kwamalungu aliqela osapho lakwaNtengo ahlala esithubeni okwenyamakazi emva kokutshiselwa ikhaya labo kwilali yakuQhaka ePort St.Johns.Kutyholwa abahlali bale lali ngesi senzo senkohlakalo.Ngethuba kubhalwa eli nqaku olu sapho lugoxe kwindawo engaziwayo kwalapha ephondweni besoyikisela ubomi babo.Kutyholwa ukuba abahlali bale lali balugxotshile olu sapho baze batshisa nomzi walo.
Isizathu sokuba lude lugxothwe ngale ndlela olu sapho kutyholwa unyana walo ngokudlwengula owasetyhini kubusuku bomhla wokuqala kwinyanga ephelileyo,kodwa esi sityholo asinasihlahla ngokutsho kolu sapho.Umrhanelwa akakabanjwa ngenxa yokunqongophala kobungqima obumoyamanisa nesi senzo.
Olu sapho luphila ngokungqiba kuba alunampahla yokunxiba,alunakutya,abafundi abanaye umakufanwe wesikolo,iziqinisekiso zokuzalwa nezazisi zatshiswa neli khaya.Kudizwe ukuba umdlwenguli wayezogqume ubuso ngethuba edlwengula ixhoba.Kusalindwe iziphumo zentlolo –fuzo (DNA).Unondaba weli phephandaba ubenethuba lodliwanondlebe nelungu losapho ekwindawo yokhuseleko. “Sagxothwa kwatshiswa ikhaya lethu besityhola ukuba sifihla isidlwengu.Ubhuti wathathwa ngamapolisa emkhusela kubahlali ababefuna ukumbulala.Amapolisa athe asenza imvavanyo ze-DNA ezoveza ukuba ngubani umdlwenguli.
“Sicela urhulumente nabantu basincede ngendawo yokuhlala,ukutya,impahla,umakufanwe njalo njalo.Siyahlupheka apha sisadinga ululeko ngokwasengqondweni,”kutsho ilungu losapho lakwaNtengo.Olu sapho belugcinwe eTombo apho lufike lagxothwa ngabahlali belali abagxothwe kuyo.Eli lungu losapho lithe “Ndicinga ukuba bekukudala befuna ukusigxotha eQhaka kuba asizalelwanga phaya.”Ngensteni yesiganeko kuvakala ukuba umrhanelwa wabalekela emapoliseni emva kokuva ukuba uzobulawa.Amapolisa afika athi akazukwazi ukuyomvalela umrhanelwa ngoba intombi elixhoba ithe ayizazi ukuba idlwengulwe ngubani,”kucacisa ilungu losapho.
Omnye wabahlali bakuQhaka uxelele eli jelo ukuba amapolisa ayaqhuba aphica abatshise umzi ukuze bajamelane netyala lokutshiza.