“Ngxe kumzi kaFaku”-uyaxolisa uPutco Mafani emva kokuthi amaMpondo awalazi isiko lolwaluko.AmaMpondo aseMpuma Kapa athi igqala lomsasazi elinguPutco Mphuthumi Mafani malinikwe uphum’aphele lijelo losasazo i-SABC emva kokuba uBhutiza lo ethe: “Abantu basemaMpondweni nakwezinye iziphaluka ezihlutshwa kukubhubha kwabakhwetha kufuneka bafumane iworkshop zokwenza isiko lethu lolwaluko kakuhle.”
Uqhube wathi: “Sekusweleke 2 yabakhwetha kulo June mnye eNgqeleni abemnye ePort St.Johns.” Le ntetha uyenze kumakhasi onxibelelwano.Khange kuphele nemizuzu nje embalwa phambi kwesichotho sezithuko ezibhekiswe ngakuye ngamaMpondo.Kubekho nezisongelo zokunga angasoze alubeke unyawo lwakhe emeMpondweni.