ISANEF (South African Editors Forum) izilele ukushiywa ngesaquphe nguMkhuseli Sizani osweleke eneminyaka engamashumi amane anesibini.USizani obeyintatheli yeDaily Dispatch ezinze eGqeberha ulishiye eli kwiveki esisuka kuyo emva kwengulo engephi.USizani ukhunjulwa ngoogxa bakhe njengentatheli ebizinikezele kumsebenzi wayo.UCheri Ann James ongumhleli weDaily Dispatch eliphephandaba lemihla ngemihla laseMonti umkhumbula uSizani ngamazwi awawathetha ukufika kwakhe kwaDaily Dispatch xa wayesithi “Ndifuna ukubasentsimini ndibhale ngamabali nezinto ezenzeka kuluntu lwakowethu”.
USizani uqale ukusebenza njengentatheli kwiphephandaba iDaily Dispatch neGround-Up.ISANEF ivakalise amazwi ovelwano kusapho lakwaSizani.UJames umchaze uSizani njengentatheli ebisebenzela ukuzisa utshintsho kwiimpilo zabantu abangathathi ntweni.“USizani wayekhuthaza ukumelwa kwabo bavalwe umlomo le ngcamango eyifaka nakubafundi awayebaqeqesha”kutsho uJames. Nangethuba wayephethe iofisi eseGqeberha yephephandaba iDaily Sun wayesiza namanqaku angafane apapashwe ngamajelo eendaba,encedisa amakrwala kwezobuntatheli ngamaxesha onke ekhokhelisa umsebenzi wakhe wobuntatheli.
UYanga Soji owayesebenza noSizani kwaDaily Sun umchaze uSizani njengomntu owayengakuthandi ukuhlala eofisini.”USizani wayelizingela elisoloko lisemaphandleni ezakuniphathela amanqaku anika umdla.UThangana wayeligorha elingoyiki ngokoyikiswa.Wayezinikezele emsebenzini wakhe.Ukusweleka kwakhe kuyilahleko kwinkonzo yobuntatheli,”kucacisa uSoji.UNahima Ahmed owayengumhleli weendaba kwi Daily Sun uthi abantu ababekhe basebenza noSizani bayakumkhumbula ngokuwuthanda kwakhe umsebenzi wobuntatheli.