USodolophu womasipala iKing Sabata Dalindyebo eyakhiwa nguMthatha noMqanduli, uthi ukungabikho kwemali eyoneleyo yokuhlaziywa kweendlela ezininzi phantsi komasipala ngomqobo kuphuhliso.USodolophu ubethetha bucala ngethuba isebe leZothutho ephondweni libambisene nalomasipala banikezela ngeendlela ezizovuselelwa kwiiwadi eziquka ezi:- 18,17,19,20,28,34 no35.
Umsitho wokunikezela ngazo ububanjelwe eMthatha stadium ngoLwesihlanu.Iinkampani neendlela ezizokwenziwa zimi ngolu hlobo lulandelalyo-DR08282 kwaCimela kunye no-DR08496 kwaNagel zinikwe uMilwa Contsruction kwa-wadi 34.UDR08033 R61 kwa-wadi 15,17,18,19 kunye noDR08295 okwiwadi 35 zinikezelwe kwi-PMB Projects.
Zonke ezi ndlela zingumgama oyi-5km kwaye kulindeleke zigqitywe emva kweenyanga ezintathu. “Ingxaki esinayo urhulumente usuka sele kuqhuma uqhankqalazo.Iiwadi zethu zigutyungelwe kukungahambeki kakuhle ezinye zonakaliswa yintlekele loo gama ezinye zingavuselelwa de ibelixesha elide.Siyavuya ngulo msebenzi,”kutsho uSodolophu uNelani.
USodolophu uNelani uqhube wathi abantu kudala belindele ukuba kulungiswe ezi ndlela nanjengoko ubomi babo buxhomekeke kuzo.Umsebenzi uyaqala kule veki.UNelani ukhalazele imali athi isoloko inqongophele enxilini nangona ukhona umdla wokusabela kwizikhalazo zabahlali.UAmanda Ndamase wesebe leZothutho ephondweni uthethe wenjenje: “Kwiveki ezayo makube kuqhuma uthuli kusetyenzwa.Asizukuyibhatala imali yokugqibela de sizojonga umgangatho wendlela.Xa abahlali benegxaki nenkampani eyenza indlela mabathethe nesebe bangaziyeli kwinkampani.”Ilungu kwikomiti kaSodolophu uZiyanda Nokayi uthi abahlali mabangathuli balinde de konakale ukuze bathethe ngokwenzekayo okungabaxolisiyo.
USodolophu waseKSD uNyaniso Nelani esenza intetho kunikezelo lweendlela ezizovuselelwa,kwibala iMthatha stadium.