Yintatheli yeKhwezi
Uphando lwamapolisa oluthe gabalala lweProvincial Family Violence,Child Protection and Sexual Offences (FCS) Unit lukwazile ukunxulumanisa ngokwencindi yofuzo (DNA) indoda eneminyaka engamashumi amathathu (30) kumatyala okudlwengula alishumi nesine phakathi kommandla wakuTsolo naseGcuwa.Amanye alamatyala enzeka kwiminyaka yango-2016.
Ngokwengxelo ekhutshwe sisithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli umrhanelwa uvele kancinci eNkundleni yamatyala kuTsolo etyatyekwa amatyala angamashumi amathathu aquka ukudlwengula,ukuxhomisa phantsi kweemeko ezinobuzaza nokuxhwila.Umrhanelwa usagcinwe eluvalelweni ade abuyele eNkundelni yamatyala azofaka isicelo sebheyile.
Ingxelo yamapolisa idize ukuba amaxhoba omrhanelwa ngabantu abahamba ebusuku besuka emsebenzini okanye kwindawo zokuhlala abafundi esikolweni.Amxhoba ngamanina aphakathi kweshumi elinesihlanu leminyaka (15) ukuya kumashumi amathathu anesithoba (39) ubudala.Umrhanelwa kulindeleke abuyiselwe eGcuwa apho azojongana namanye amatyala akumila kunje ngomhla we-20 kulenyanga yoMsintsi.
UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Nomthatheli Mene uqhwabele izandla igqiza lophando lwamapolisa ebelikhokhelwe nguWarrant Officer Lulama Luhadi we-FCS Serial and Electronic Crime Investigation (SEC) ngomsebenzi oncomekayo.Watso esithi umrhanelwa ubesoloko esenza unothanda iminyaka de wabanjwa ngamapolisa.Ukwathe unethemba lokuba ukubanjwa kwakhe kuzozisa ithemba kumaxhoba.