Yintatheli yeKhwezi
Ibutho looKhetshe kwiphondo leMpuma Kapa linqakule lavalela uThuliswa Jotile (55) onguKhansela kumasipala iNgquza Hill.Lo Khansela uye wavela kwinkundla kaMantyi eMthatha kwiveki ephelileyo.Ibutho looKhetshe lithathe ithuba lisezithendeni zomrhanelwa.Umrhanelwa utyholwa ngokuqala ishishini waze walibhalisa ngomnye umntu.Ucenge umntu othile ukuba aqale ishishini elithile ukuze kweloshishini kuxhamle yena.
Othethela ibutho looKhetshe kwiphondo leMpuma Kapa uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthe: “ Ngomnyaka wama-2018 uJotile lo warhawula indoda ethile esithi mayibhalise ishishini phantsi kwegama layo.Eli shishini lelokupheka neZothutho,”utshilo.Eneneni le ndoda yalivula eli shishini incediswa nguJotile, zithe zakudubula izinto waqala wavukelwa kukunyoluka,uburhalarhume nenkohlakalo lo kaJotile kuba imali ngoku yatshintsha yangena kwikhadi lebhanki yakhe yabucala.
UMasipala ulahlekelwe yimali engama-R16,600 kuwo wonke lo msebenzi wobutshijolo nobuqhetseba obabusenziwa nguJotile.Umrhanelwa uye wakhutshwa emjiva ngebheyile yama-R2000 uzakuphinde abuyele enkundleni ngomhla wama-24 yalenyanga yeDwarha.