AmaNkomo aphantsi kwesizwe samaHlubi ngoMgqibelo abhiyozele iminyaka elishumi yeBuyambo.Le ngxikela yomnyhadala ibibanjelwe eMjila eNtabankulu kwiphondo le Mpuma Kapa.Lo msitho ubuzinyaswe bubukho beKumkani yesizwe samaHlubi uMziwenkosi Langalibalele 11 ozinze eMtshezi kwidolophu yaseEscourt kwiphondo laKwaZulu Natal.Nezinye iiNkosi zamaBhaca namaMpondo bezikho kulo mbhiyozo.
UKumkani Langalibalele ukhuthaze umanyalo lwamaHlubi kwaye uwaqwabele izandla amaNkomo ngokukwazi ukudibanisa isizwe samaHlubi kumnyhadala wokubhiyozelwa kwamagugu amaHlubi.Lo mbhiyozo weBuyambo ubisingathelwe kwikhaya likaGqirha Mandisi Michael Mzobotshe ongusomashishini owaziwayo kwelamaMpondo nakwaBhaca.Lo mnyhadala ubuixaswa ngumasipala wesithili waseAlfred Nzo,umasipala waseNtabankulu nowaseMzimvubu.Lo mbhiyozo nangona ubusingathwe ngamaNkomo ibingowesizwe samaHlubi.Bekukho amaNkomo asuka eMatatiele,Mt Fletcher,Sterkpruit,Gqeberha,Sheshegu eAlice,Xesi,eGcuwa,kuGtyana,eTsomo,eLibode,eNgqelani,eFlagstaff,eMt.Frere naseThekwini.
Kulo msitho wokubhiyozela iminyaka elishumi yeBuyambo kuye kwaphehlelelwa incwadi yamasiko akwaNkomo ethi ‘Singaka nje lisiko” ngokubhalwa nguMonwabisi Khininda.Ephehlelela le ncwadi uNkomo uMlibo Qoboshiyane uthe isiko lifana neengcambu zomthi. “Umntu uphila ngesiko.Lakungenziwa isiko emntwini kuvela izigila mikhuba kubekho izidlwengu ezidlwengula iintsana nemfuyo.Kubekho abantwana ababizwa ngokuba ngamaPharha ngenxa yemikhuba yabo.Urhulumente angayenza imigudu yokulwa ulwaphulo mthetho kodwa ukuze izinto zibuyele kundalashe amantu mabahloniphe amasiko abo.”UGqirha Somadoda Fikeni wesizwe samaXesibe uthi umntu ongenzelwanga masiko akowabo ufana nqwa nefowuni engenasoftware.Kuye kwahlonitshwa amaNkomo ngokuthi anikwe iwonga leOrder of Lubombo.Kunikwe abahlolokazi kwamaNkomo awazibalulayo kumanyano lwamaNkomo angoCingile Sitshixo,Simphiwe Ntanjana,uZolile Sixabela,uSonwabo Duba noVulela Bongani Ntanjana osaphilayo.KwiOrder of Iziyendane kuwongwe uGolela Ben-Mazwi,Tembekile Ntanjana,Lamla Ntanjana,Nkosinenceba Cungcu noMonwabisi Khininda.
IMIFANEKISO:1.UGqirha Mandisi Mzobotshe esamkela uKumkani Langalibalele 11 kwikhaya lakhe eMjika.Amaxesibe emelwe nguNjingalwazi Somadoda Fikeni ongowesithathu ukusuka ekhohlo.
2.Ekunene nguGqirha Mandisi Mzobotshe.
3.UMandisa Dlula ozalwa kwaBulawayo eZimbabwe noSibongile May-Jongile kwibuyambo yamaNkomo eMjila kuNtabankulu.Imifanekiso nguMonwabisi Khininda.