Abalawuli bakwaRoad Accident Fund (RAF) bakhumbuza ulutsha ukuba luyiqwalasele lukwayithobela imithetho yendlela ngamaxesha onke.Kwingxelo ekhutshwe leliqumrhu kutsha nje lulutsha olufake amabango engozi aqikelelwa kuma-44% ukusuka kumnyaka wama-2020 ukuya kuma-2022.Ukuxhoma kwamanani kubangele u-RAF aqalise amaphulo okukhuthaza ulutsha ngokhuseleko ezindleleni.
Kuleminyaka mibini u-RAF ubhatele imali ekwi-R43,13 yebhiliyoni ehlawula amabango afakwe ngabantu abatsha abaneminyaka ekwishumi elinesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesine eminyaka ubudala.URAF udize ukuba ubhatele imali ekwi-R2.86 yezigidigidi kubantu abatsha abaphulukene nemiphefumlo ezingozini zendlela ebhatala imali ekwi-R956 yezigidi ngonyaka.
UCollins Letsoalo oyi-CEO yakwa-RAF uthi ulutsha lwenza izinto eziyingozi kungako ingabona bantu bagangxeleka kwingozi ezininzi.Ucacise ngelithi amabango afakwa lulutsha aqikelelwa kwi-21475 ngonyaka u-RAF ebhatala imali ekwi-R2568 595 ibango ngalinye.Uthe isininzi kulawo mabango ngabangasebuhlanti ngama-63% ze i-36% ibengabasetyhini.
ULetsoalo uthi u-RAF usebenzisana namaziko emfundo,isebe lezoThutho iindibano zoluntu efundisa ngokhuseleko ezindleleni. “ Ezona zinto ziqaphelekayo nezinomthelela ezingozini kukunxiba impahla emnyama ebusuku umntu aphinde ahambe endleleni,ukusebenzisa ifowuni umntu eqhuba nokufaka izinto zomculo ezindlebeni ngethuba esendleleni.”
ULetsoalo uthi umntu ofaka ibango angahlawulelwa ukulimala aze phulukane nomvuzo,umonzakalo,iindleko zonyango,nendleko zonyango asezakuzihlawulela umfaki bango.Xa umntu ebhubhile u-RAF uhlawulo iindleko zokungcwaba,nekubuyekeza inkxaso kusapho lomfi.Xa ubani ethe wagangxeleka kwingozi yendlela aqhakamshelane nabakwa-RAF kule nombolo-0878201111 okanye ayofaka ibango kwenye yeeofisi ezikwizithili inkcukacha ezithe vetshe zingafumaneka ku-www.raf.co.za