ECOFIMVABA -Abarhanelwa abathathu ababudala buphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesibini kunye namashumi amane anesibini kulindeleke bavele enkundleni yamatyala eCofimvaba kule veki.Abasolwa bazojamelana nezityholo zokufunyanwa nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni.Babanjwe ngoLwesihlanu licandelo looKhetshe (Hawks) elizinze kuKomani libambisene neCofimvaba Crime Intelligence (CI),Aliwal North Public Order Policing ne Cofimvaba Community Service Centre Police.Ingxelo ekhutshwe sisithethi sooKhetshe eMpuma Kapa uCaptain Yolisa Mgolodela udize ukuba amapolisa alunywe iindlebe ngamadoda amabini abequlunqa iyelenqe lokubulala kwaye kuchazwe ukuba la madoda atyelele ixhwele kwilali iMabal’entombi eyofuna iyeza ukuze angabanjwa emva kokubulala. UCaptain Mgolodela uthe : “Amapolisa alinde esi sibini saphuma kukhohlel”esingeni asilandela ukuya kwisithuthi saso esiluhlobo lweVW Amarok bakkie emhlophe.” Esi sithuthi besimise kwindlela uR61 sagqogqwa ngamapolisa kwafunyanwa iimbumbulu ezintlanu kumrhanelwa ngamnye.”Ingxelo yamapolisa iqhuba ithi amagosa akwantsana abuze imibuzo ukuba iphi imipu ebekuzofakwa kuyo ezi mbumbulu.Abarhanelwa bakhokhelele amapolisa kwivenkike ethengisa impahla yokwakha eNyanga, eNgcobo apho ibishiywe khona imipu.Ngenene ifunyenwe imipu emini eluhlobo lweVolo-volo kowasetyhini ekuvakala ukuba sisinqandamathe somnini venkile.Naye Lo wasetyhini uye wabanjwa etyatyekwa izityholo ezifanayo naba barhanelwa babini.