UZikalala uthembisa ukuba umbono omasikizi wokubona abantwana besikolo bebeka iimpilo zabo emngciphekweni ngokuthi bawele imilambo enezikhukhula ngenxa yeebhulorho ezonakeleyo iza kuba yinto yezolo.Oku kulandela isibhengezo esenziwe nguSihle Zikalala onguMphathiswa wesebe leMisebenzi yoLuntu neZiseko ezingundoqo xa ebephehlelela, eli phulo elabelwe imali ekuma R3.3 yebhiliyoni ,ezawukwakha iibhulorho zeWelisizwe ezikwikhulu elinamashumi amathathu anesine.Eli phulo liphehlelelwe kwiveki ephelileyo ePort St.Johns.
UMphathiswa uZikalala kweli phulo ebephahlwe nguMphathiswa wephondo kweZothutho uXolile Nqatha,uGqirha Aaron Motsoaledi onguMphathiswa wesebe leZekhaya nosodolophu wasePort St.Johns uNomvuzo Mlombile-Cingo.Aba baphathiswa bebeyohlola umsebenzi osele kumbovu ukuba ugqitywe kwibhulorho iSunrise naseNtlenga.
UZikalala ucacise ngelithi kule mali ebekelwe bucala ukujongana nalo msebenzi i-R1.1 yebhiliyoni izawusiwa eMpuma Kapa kunyaka mali ngamnye,amanye amaphondo aza kuxhamla yiKwaZulu Natal,iFree State,iMpumalanga,iLimpopo neNorth West.
UZikalala uthe eli phulo leWelisizwe lijongene namaphandle anelali apho kubanzima ukuhamba xa kunethayo.Eli phulo amasebe karhulumente aquka uMkhosi weZokhuselo,eleZothutho,nesebe leMisebenzi yoLuntu neZisekelo ezinguNdoqo asebenza ngokubambisana.Ulebele ngelithi eli phulo leWelisizwe lizakudala amathuba emisebenzi phantsi kwenkqubo yeEPWP (Expanded Public Works Programme).Ngethuba kusakhiwa ezi bhulorho abasebenzi bazakuxhotyiswa kwizakhono ezifana nokutshisele iintsimbi (welding),ukulondolozwa ukhukhuliseko lomhlaba (soil retention) nolwakhiwo lomgaqo.Kwibhulorho nganye kuqashwa amajoni asixhenxe,abasebenzi abaqeqeshiweyo abahlanu nabasebenzi abathathwe ekuhlaleni abangamashumi amane (EPWP).