INkundla yeNgingqi yakuGompo (eMonti) kwiveki ephelileyo, imgwebe iminyaka emihlanu ngaphaya kwezitshixo uSolomzi Ndika-Ndika (59) emva kokufunyanwa enetyala lokufaka ibango le-R1.6 kwingxowa yakwa RAF (Road Accident Fund).
KuJanuwari womnyaka wama-2016 uNdika-Ndika wafaka ibango lemali yengozi zendlela etyhola ngelithi isithuthi sakhe sabandakanyeka kwingozi yendlela xa wayesuka e-Elliot esingise eCala.Kuleyo ngozi uNdika-Ndika waye wonzakala.Isithethi soKhetshe (HAWKS) ephondweni uAvela Fumba uthi ummangalewla wayengafanelekanga ukuphatha umpu,kwaye kwakungengekho ndlela yokuba angagwetywa umdliwo kweliotyala. “Ngethuba u-RAF ephonononga elibamngo waye waphawula ukuba kukho iinkcukacha ezibanga urhano lobuqhophololo nobuqhetseba,ngenxa yokungangqwamani neenkcukacha ezithiwe thaca ngamapolisa.URAF uthumele elibango kwi-HAWKS ukuba zenze uphando.IHAWKS zither u-RAF uphantse waphulukana nemali ekuma-R1.6 ngobuqhophololo.”