INkulumbuso yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane uthi abazukuvumela ukutsalwa bathiwe qho ngempumlo nguye nabani ongubholelecaleni.UMabuyane ubephefumla kwisinyanzeliso soonotekisi sokuvala iindlela eMthatha ngoMvulo benyanzelisa kubuyiswe imipu ethinjwe ngamapolisa ngoLwesine kwiveki ephelileyo kwisibhedlele iNelson Mandela Academic apho bebegade oogxa babo abonzakele ngethuba behlaselwa eNtywenka kuTsolo.
INkulumbuso ithi akukho mthetho uzobekwa ecaleni.Amapolisa azokwenza umsebenzi wawo ngaphandle kwedyudyu.Uthi sele egalelekile amajoni ukuzogcina ucwangco ngethuba kuqhuba ulonyulo. “Sizobamba intlanganiso singurhulumente ukuze sive ngokuthe vetshe ngokwenzekileyo eMaclear apho kusweleke khona abantu kumlo woonotekisi,”kutsho uMabuyane.
Uqhube wathi ukuba imibutho yeetekisi ayimameli bazothatha amaphepha mvume okusebenza,bavale umzila bangavumeli izenza ezigwenxa.Uhambisa athi “Bekuvele kukho isivumelwano sokubuyiswa kwemipu asiyazi le yokuvuka uvale indlela.Amapolisa azokwenza umsebenzi wawo.Akukho rhulumente uzojongelwa phantsi.”
Ngokwengxelo kutyhuthulwe izigadla kwiindawo eziquka uPayne kuhola wendlela u-N2 apho kuthathwe utywala,izonka nezinye izinto.UMabuyane uyalele imibutho yeetekisi ukuba mayisombulule le mbambano iqhubekayo.
INkulumbuso uOscar Mabuyane ethetha nonondaba malunga noqhankqalazo loonotekisi eMthatha.