Isebe leZothutho eMpuma Kapa ligrogrisa ngokuthathela amanyathelo asemthathweni imibutho yeetekisi ephondweni ukuba iyala ukubhangisa ubunkokheli obukhoyo ngoku.Le mibutho iquka iSantaco,Uncedo Taxi Association,iBorder Alliance kunye neE.C Taxi Association.Oku kuza emva kokuba abantu abasixhenxe badutyulwa babhubha kwiziganeko ezinxulumene nemilo yoonotekisi phakathi kweyoMqungu neyoMsintsi kulonyaka.
Ikhwelo lokuchithwa kwesi sigqeba yinxalenye yezindululo ezithathwe kwindibano ebibizwe ngenyanga yoMsintsi njengenzame zokunqanda udushe loonotekisi kweli phondo.Isebe lithe iinkokheli zoyisakele ukusombululeni umlo ophakathi kwemibutho yeli phondo.Isithethi sesebe leZothutho uMakhaya Komisa uthe: “UMphathiswa wephondo unoluvo olungangungqiyo lokuba le nkqubo iyinxalenye yesivumelwano soxolo esityikitywe ziinkokheli zolushishino kunye nesebe lokuphelisa ubundlobongela kolu shishino.
UBishop Zola Yolelo onguMongameli we-SANTACO ephondweni uthe uzakuqala alinde kundlunkulu walombutho ukuba uthini yena.Aphinde alinde kuMongameli kuzwelonke ukuba onyule isigqeba sethutyana.